Lungisa Izinto Ongafuniyo Zivele

Ukuze siqinisekise ukuba uyakonwabela ukusebenzisa ujw.org, sisebenzisa izinto zeteknoloji ezifana necookies. Ezinye icookies siyazidinga ukuze iwebhsayithi yethu isebenze ibe awunakukwazi ukungazamkeli. Kukho nezinye icookies onokuzamkela okanye ungazamkeli, ibe sizisebenzisela kuphela ukuze kube lula kuwe ukusebenzisa ujw.org. Ezi zinto uzikhangelayo azizukusetyenziselwa ukugcina iiwebhsayithi okhe wangena kuzo kwi-intanethi okanye ithunyelwe kwabanye abantu. Ukuze ufunde nezinye izinto, funda kwindawo ethi IPolisi Yasemhlabeni Wonke Yendlela Yokusebenzisa ICookies NeeTeknoloji Ezifana Nazo. Ungakwazi ukulungisa izinto ofuna zivele ngokuya kwindawo ethi Indlela Yokulungisa Izinto Ongafuni Zivele.

Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Khawuzame Nje Unyaka Ube Mnye

Khawuzame Nje Unyaka Ube Mnye
Abazalwana ababini abakwindlu ngendlu batyhilela enye indoda isibhalo

Uzame ntoni? Ubuvulindlela obuthe ngxi! Uya kunandipha iintsikelelo ezininzi!—IMi 10:22.

NGOKUBA NGUVULINDLELA, UNGAKWAZI. . .

  • ukuba nobuchule njengomvangeli uze ubunandiphe ngakumbi ubulungiseleli

  • ukomeleza ubuhlobo bakho noYehova. Okukhona uthetha ngaye kwabanye, kokukhona uya kuziqonda nangakumbi iimpawu zakhe ezimangalisayo

  • ukwaneliseka ngenxa yokuba ubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala kunezakho uze ube novuyo olufumaneka ngenxa yokuzincama kwakho ngenxa yabanye. —Mat 6:33; IZe 20:35

  • ukuya kwintlanganiso yoovulindlela eqhutywa ngumveleli wesiphaluka ebudeni botyelelo, intlanganiso ekhethekileyo ehambelana nendibano yesiphaluka nakwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela

  • ukuba namathuba angakumbi okuqalisa uze uqhube izifundo zeBhayibhile

  • ukuchitha ixesha elingakumbi nabanye oshumayela nabo, unandiphe nokukhuthazana nabo.—Rom 1:11, 12