Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

YIKHUTHALELE INTSIMI | KONWABELE UKUSHUMAYELA

Fikelela Intliziyo

Fikelela Intliziyo

Ukuthobela uThixo yinto esuka entliziyweni. (IMi 3:1) Ngoko xa sifundisa, simele sizame ukubafikelela intliziyo abantu esithetha nabo. Sinokuyenza njani le nto?

Xa uqhuba isifundo, ungapheleli nje ekufundiseni iinyani eziseBhayibhileni, kodwa loo mntu mncede abone ukuba unokuzisebenzisa njani ebomini bakhe ibe zingamnceda njani asondele kakhulu kuYehova. Mncede abone ukuba imigaqo yeBhayibhile ibonisa indlela uThixo anothando nalunge ngayo. Ngobubele, mbuze imibuzo eza kumnceda abone ukuba uziva njani ngezinto azifundayo. Mncede abone ukuba ubomi bakhe buza kuphucuka njani xa enokutshintsha izinto ezimbi azenzayo. Xa ubona isifundo sakho simthanda nyhani uYehova, uza kuvuya kakhulu.

BUKELA IVIDIYO ETHI VUYISWA KUKWENZA ABAFUNDI​—PHUCULA INDLELA OFUNDISA NGAYO—​FIKELELA INTLIZIYO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Kwakutheni ukuze uNeeta athi kuJade: “Ubukhe wayicinga laa nto besithethe ngayo ngoMvulo?”

  • UNeeta umncede njani uJade waqonda ukuba imigaqo yeBhayibhile ibonisa ukuba uYehova uyamthanda?

  • Xa sibafikelela intliziyo abantu esifunda nabo, siza kubanceda basondele kuYehova

    UNeeta umncede njani uJade wacinga ngendlela anokubonisa ngayo ukuba uyamthanda uThixo?