Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani UKumkani WoBukumkani BukaThixo?

Ngubani UKumkani WoBukumkani BukaThixo?

UThixo waphefumlela ababhali beBhayibhile, ukuba bachaze indlela awayeza kubonakala ngayo umntu oza kuba nguKumkani woBukumkani bakhe. Lo Kumkani kwakufanele:

  • Akhethwe nguThixo. “Mna, ndimbekile owam ukumkani . . . ndiza kukunika iintlanga zibe lilifa lakho nezona ndawo zikude zomhlaba zibe zezakho.”—INdumiso 2:6, 8.

  • Abe yindlalifa kaKumkani uDavide. “Kuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana . . . ukwanda kolawulo lwakhe, noxolo aluzukuphela etroneni kaDavide nasebukumkanini bakhe, ukuze kungabikho nto ibugungqisayo.”—Isaya 9:6, 7.

  • Azalelwe eBhetelehem. “Bhetelehem . . .  kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli . . . ubukhulu bakhe buza kufikelela nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”—Mika 5:2, 4.

  • Acatshukelwe ngabantu ade abulawe. “Wenyanywa yaye thina samphatha njengongabalulekanga. . . . Wahlatywa ngenxa yokungathobeli kwethu; watyunyuzwa ngenxa yezono zethu.”—Isaya 53:3, 5.

  • Avuswe ekufeni aze azukiswe. “Awuzukundishiya engcwabeni. Awuzukumvumela lowo ukukhonza ngokungagungqiyo ukuba abone umngxuma. . . . Kuvuywa ngonaphakade ngakwisandla sakho sasekunene.”—INdumiso 16:10, 11.

UYesu Kristu Uyafaneleka Ukuba Alawule

Kubo bonke abantu abakha baphila, mnye kuphela umntu ezakha zenzeka kuye zonke ezi zinto zichaziweyo nokufanelekelayo ukuba nguMlawuli, loo mntu nguYesu Kristu. Kangangokuba ingelosi yathi kumama wakhe uMariya: “UThixo uza kumnika itrone katata wakhe uDavide, . . . ibe soze buphele uBukumkani bakhe.”—Luka 1:31-33.

Xa uYesu wayelapha emhlabeni wayengengomlawuli. Kodwa ngoku kuba enguKumkani woBukumkani bukaThixo, uza kulawula abantu esezulwini. Kutheni ke engoyena Mlawuli ufanelekayo? Masithethe ngezinto awazenzayo xa wayelapha emhlabeni.

  • UYesu wayebakhathalele abantu. Wanceda amadoda, abafazi nabantwana, kungakhathaliseki ukuba bakhule njani okanye baziwa kangakanani. (Mateyu 9:36; Marko 10:16) Xa kweza kuye umntu oneqhenqa emcenga esithi: “Ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa,” uYesu waba nosizi kakhulu waza wenza kanye loo nto.—Marko 1:40-42.

  • UYesu wasifundisa indlela yokuvuyisa uThixo. Wathi: “Aninakukhonza uThixo nibe nileqa nobuTyebi.” Wakhuthaza abantu ukuba baphathe abanye ngendlela nabo abafuna ukuphathwa ngayo—lo mgaqo ubizwa ngokuba nguMthetho Omkhulu. Enye into, wafundisa ukuba uThixo akakhathalelanga izinto esizenzayo qha, kodwa ukhathalele nezinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. Le nto ithetha ukuba ukuze sivuyise uThixo, sifanele sizilumkele izinto esizicingayo nesizinqwenelayo. (Mateyu 5:28; 6:24; 7:12) Wathi eyona nto inokusenza sonwabe kukwazi izinto uThixo azithandayo size sizenze.—Luka 11:28.

  • UYesu wanceda abantu babona indlela yokuthanda abanye. Izinto awayezithetha nawayezenza zazinamandla ibe bazithanda abantu ababemmamele. ‘Bonke abo bantu babemangalisiwe yindlela afundisa ngayo, kuba wayefundisa njengomntu onegunya.’ (Mateyu 7:28, 29) Xa wayebafundisa, wathi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu.” Wathandazela nabantu abafaka isandla ekubulaweni kwakhe, wathi: “Tata baxolele, kuba abayazi le nto bayenzayo.”—Mateyu 5:44; Luka 23:34.

UYesu unobubele ibe unokubanceda abantu, yiloo nto emenza abe ngoyena Mlawuli ufanelekayo. Kodwa uqala nini ukulawula?