Yiya kwinkcazelo

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wokwenene owaqalwa nguYehova uThixo. “Ubukumkani bukaThixo” bukwabizwa ngokuba ‘bubukumkani bamazulu’ eBhayibhileni, ekubeni bulawula busezulwini. (Marko 1:14, 15; Mateyu 4:17) Bufana ngeendlela ezininzi noorhulumente babantu, kodwa bugqwese ngento yonke.

  • Abalawuli. UThixo uye wamisela uYesu Kristu ukuba ibe nguye umlawuli woBukumkani bakhe yaye uye wamnika igunya elingaphezu kwakhe nabani na okhoyo apha emhlabeni. (Mateyu 28:18) UYesu usebenzisa amandla akhe ukuze enze okulungileyo kuphela, njengoko sele ebonisile ukuba yiNkokeli ethembekileyo nenovelwano. (Mateyu 4:23; Marko 1:40, 41; 6:31-34; Luka 7:11-17) UYesu uye walathiswa nguThixo ukuba akhethe abantu kuzo zonke iintlanga abaza kulawula kunye naye ezulwini “njengookumkani phezu komhlaba.”—ISityhilelo 5:9, 10.

  • Ixesha lokulawula. Ngokungafaniyo noorhulumente babantu, abadla ngokubhanga emva kwexesha, uBukumkani bukaThixo ‘abunakuze bonakaliswe.’—Daniyeli 2:44.

  • Abalawulwa. Nabani na owenza izinto ezifunwa nguThixo unokuba ngumlawulwa woBukumkani bukaThixo, kungakhathaliseki ukuba ngubani okanye ngowaphi.—IZenzo 10:34, 35.

  • Imithetho. Imithetho (okanye imiyalelo) yoBukumkani bukaThixo ayipheleli nje ekusinqandeni ukuba singenzi nto imbi. Inceda abantu bakwazi ukuziphatha. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’” (Mateyu 22:37-39) Ukuthanda uThixo nommelwane kunceda abalawulwa boBukumkani benze izinto eziza kunceda abanye.

  • Imfundiso. Nangona uBukumkani bukaThixo bubekela abalawulwa babo imilinganiselo ephezulu, buphinde bubancede bakwazi ukuphila ngayo.—Isaya 48:17, 18.

  • Injongo. UBukumkani bukaThixo abutyebisi abalawuli ngokucinezela abalawulwa. Kunoko, buza kuphumeza ukuthanda kukaThixo, kuquka isithembiso sokuba abantu abamthandayo baza kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi.—Isaya 35:1, 5, 6; Mateyu 6:10; ISityhilelo 21:1-4.