Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khetha Ukuxhasa UBukumkani BukaThixo Kwangoku!

Khetha Ukuxhasa UBukumkani BukaThixo Kwangoku!

Khawube nombono wento enokwenzeka xa kuza kubakho inkanyamba kwindawo ohlala kuyo. Ezindabeni, oorhulumente xa besithi: “BALEKANI! YIYANI KWIINDAWO EZIKHUSELEKILEYO NGOKU!” Ungathini wena? Ngokuqinisekileyo ungabalekela kwindawo ekhuselekileyo.

Ngokufanayo, sonke siza kufikelwa bubunzima obufana “nesaqhwithi.” UYesu wabubiza ngokuba ‘yintlungu engathethekiyo.’ (Mateyu 24:21) Loo ntlungu asizukwazi ukuyibaleka. Kodwa ikhona into esinokuyenza ukuze sikhuseleke kuyo. Yintoni le sithetha ngayo?

KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wacebisa abantu wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.” (Mateyu 6:33) Singayenza njani loo nto?

Funani kuqala uBukumkani bukaThixo. Apha kuthethwa ukuba uBukumkani bukaThixo bufanele bube yeyona nto ibalulekileyo kuthi, ngaphezu kwayo nantoni na. (Mateyu 6:25, 32, 33) Ngoba? Kuba abantu kudala bezama ukuziphelisa ezi ngxaki, kodwa abakwazi. BuBukumkani bukaThixo kuphela obunokuphelisa ezona ngxaki zabantu zinzima.

Funani ubulungisa bakhe. Masizame ngandlela zonke ukuphila ngemithetho kaThixo nemigaqo yakhe. Ngoba? Kaloku ukuba siyazikhethela ukuba yintoni elungileyo nembi, siza kuba sizibizela iingxaki zodwa. (IMizekeliso 16:25) Kwelinye icala, ukuba siphila ngemigaqo kaThixo, asizukuvuyisa yena kuphela, kodwa nathi siza konwaba.—Isaya 48:17, 18.

Qhubekani nifuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. UYesu wathi abanye abantu basenokuphazamiseka, bacinge ukuba eyona nto inokubenza bakhuseleke kukwenza imali eninzi. Abanye bangaxakeka kakhulu bezama ukulungisa iingxaki zabo de bangabi nalo ixesha lokufuna uBukumkani bukaThixo.—Mateyu 6:19-21, 25-32.

UYesu wathembisa abantu abaxhasa uBukumkani bukaThixo ukuba baza kuba nazo izinto abazidingayo ngoku ukuze baphile, ibe baza konwaba kakhulu kwixesha elizayo.—Mateyu 6:33.

Nangona abafundi bakaYesu babefuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zange bakubone ukuphela kweentlungu nentlupheko. Kodwa babekhuselekile. Njani?

Ukuphila ngemithetho kaThixo kwabakhusela kwiingxaki ababenazo abantu abenza izinto uThixo angazifuniyo. Ithemba labo loBukumkani bukaThixo labanceda naxa babeneengxaki ezinzima ezifana nesaqhwithi. Ibe uThixo wabanika “amandla angaqhelekanga” awabanceda bakwazi ukunyamezela iingxaki.—2 Korinte 4:7-9.

NGABA WENA UZA KUBUFUNA KUQALA UBUKUMKANI?

AmaKristu okuqala alisebenzisa icebiso likaYesu lokufuna kuqala uBukumkani. Ashumayela iindaba ezilungileyo kwiindawo awayehlala kuzo. (Kolose 1:23) Kule mihla, ngaba bakhona abantu abayenzayo loo nto?

Bakhona! AmaNgqina KaYehova ayazi ukuba uBukumkani sele buza kuzisa isiphelo. Ngoko asebenza ngamandla awo onke ukuze enze umsebenzi uYesu awathi uza kwenziwa. Kaloku wathi: “Ezi ndaba zilungileyo ezingoBukumkani ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga, emva koko sifike isiphelo.”—Mateyu 24:14.

Wena uza kuthini xa usiva iindaba ezilungileyo? Siyakukhuthaza ukuba ulinganise abantu baseBhereya ababephila ngexesha lamaKristu okuqala. Xa beva iindaba ezilungileyo zoBukumkani kumpostile uPawulos, bazamkela “ngomdla omkhulu.” Emva koko, ‘bahlolisisa iZibhalo’ ukuze babone ukuba zaziyinyani na izinto abazivayo, baza “baba ngamakholwa.”—IZenzo 17:11, 12.

Nawe ungakwazi ukuyenza le nto. Uza kukhuseleka kwangoku ukuba ufuna kuqala uBukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe. Kwixesha elizayo, uza konwaba useluxolweni ibe ukhuselekile.