Kubalisa uLuka 11:1-54

  • Indlela yokuthandaza (1-13)

    • Umthandazo weNkosi (2-4)

  • Iidemon zikhutshwa ngomnwe kaThixo (14-23)

  • Idemon iyabuya (24-26)

  • Ulonwabo lokwenene (27, 28)

  • Ummangaliso kaYona (29-32)

  • Isibane somzimba (33-36)

  • Baza kuthi shu abahanahanisi abakhonzayo (37-54)

11  UYesu wayekwenye indawo ethandaza; wathi akugqiba, omnye wabafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, njengokuba noYohane wabafundisayo abakhe abafundi.”  Ngoko wathi kubo: “Nanini na nithandaza, yithini: ‘Tata, malingcwaliswe igama lakho.*+ Mabufike uBukumkani bakho.+  Suku ngalunye, siphe isonka esisidingayo.+  Sixolele izono zethu,+ kuba nathi siyabaxolela bonke abanamatyala kuthi;+ ungasiyekeli xa silingwa.’”+  Emva koko, wathi kubo: “Masithi omnye wenu uya kumhlobo wakhe ezinzulwini zobusuku, athi kuye, ‘Mhlobo wam, ndiboleke izonka ezithathu,  kuba ndifikelwe ngumhlobo wam ovela kude, ibe andinakutya.’  Kodwa umhlobo wakhe umphendula engaphakathi esithi: ‘Khawundiyeke, senditshixile, nabantwana sebelele. Andinakuphakama ngoku ndikunike ukutya.’  Ndithi kuni, uza kuphakama nakanjani na amnike nantoni na ayifunayo, hayi kuba engumhlobo wakhe, kodwa kuba eye wamcenga, akancama.+  Ngoko ndithi kuni, qhubekani nicela,+ niza kuphiwa; qhubekani nifuna, niza kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niza kuvulelwa.+ 10  Kuba wonke umntu ocelayo uyaphiwa,+ wonke umntu ofunayo uyafumana, yaye wonke umntu onkqonkqozayo uza kuvulelwa. 11  Ngubani ke nyhani apha kuni, onokuthi xa unyana wakhe ecela intlanzi, suke amnike inyoka endaweni yentlanzi?+ 12  Okanye xa ecela iqanda, suke amnike unomadudwane? 13  Ngoko ke, ukuba nina, nakubeni ningaboni, niyakwazi ukupha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uTata wenu osezulwini ukubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo!”+ 14  Emva koko, uYesu wakhupha idemon eyenza umntu angakwazi ukuthetha.+ Emva kokuba iphumile, loo mntu watsho wakwazi ukuthetha, baza bamangaliswa abantu.+ 15  Kodwa abanye bathi: “Iidemon uzikhupha ngoBhelezebhubhe,* umlawuli weedemon.”+ 16  Ibe abanye bamlinga bathi makenze ummangaliso+ ovela ezulwini. 17  Eyazi into abayicingayo,+ uYesu wathi kubo: “Nabuphi na ubukumkani obulwa bodwa buyawa, ibe naliphi na ikhaya elilwa lodwa liyachitheka. 18  Ngoko, ukuba uSathana ulwa yedwa, buza kuma njani ke ubukumkani bakhe? Kaloku nina nithi ndikhupha iidemon ngoBhelezebhubhe. 19  Ukuba ndizikhupha ngoBhelezebhubhe iidemon, bazikhupha ngabani ke bona oonyana benu? Yiloo nto abalandeli benu beza kunigweba. 20  Kodwa ukuba ndizikhupha ngomnwe kaThixo+ iidemon, kucacile ukuba uBukumkani bukaThixo bunifikele ningalindelanga.+ 21  Xa indoda enamandla, nexhobileyo iyigada indlu yayo, izinto zayo zihlala zikhuselekile. 22  Kodwa ukuba kufika indoda enamandla ngaphezu kwayo ize iyoyise, ithatha zonke izixhobo ebithembele ngazo, ize iphise ngezinto zayo. 23  Umntu ongekho kwicala lam, ulwa nam, nalowo ungandincedisiyo ekuqokeleleni, uyachitha.+ 24  “Xa idemon iphuma emntwini, igqitha entlango, ikhangela indawo yokuhlala, ibe xa ingayifumani, iye ithi, ‘Ndiza kubuyela kulaa ndlu yam bendisuka kuyo.’+ 25  Ifika apho kutshayelwe ibe kuhonjisiwe. 26  Emva koko iyahamba iyokulanda iidemon ezisixhenxe ezinobubi kakhulu kunayo, zingene kuloo mntu, zihlale apho. Ngoko imeko yaloo mntu iba mbi kakhulu kunakuqala.” 27  Njengoko uYesu wayethetha, omnye umfazi kwabo bantu wakhwaza wathi kuye: “Wonwabile umfazi owakuthwala esibelekweni sakhe, wakuncancisa!”+ 28  Kodwa yena wathi: “Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”+ 29  Xa babesiba baninzi kakhulu abantu, uYesu wathi: “Esi sizukulwana singalunganga sifuna ummangaliso, kodwa akukho mmangaliso siza kuwenzelwa ngaphandle kokamprofeti uYona.+ 30  Njengokuba into eyenzeka kuYona+ yaba sisilumkiso kubantu baseNineve, kuza kuba njalo nangoNyana womntu kwesi sizukulwana. 31  Ukumkanikazi wasemzantsi+ uza kuvuswa xa kugwetywa abantu besi sizukulwana aze abamangalele, kuba yena weza evela kwindawo ekude ezokuva ubulumko bukaSolomon. Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoSolomon.+ 32  Abantu baseNineve baza kuvuka xa kugwetywa baze basimangalele esi sizukulwana, kuba bona baguquka xa uYona wayeshumayela kubo.+ Kodwa, jongani! ngoku kufike umntu omkhulu kunoYona. 33  Emva kokuba umntu elayite isibane, akasibeki kwindawo esitheleyo okanye phantsi kwebhaskithi,* kodwa usixhoma endaweni yaso,+ ukuze sikhanyisele abantu abangenayo. 34  Ilihlo lakho lisisibane somzimba. Ukuba ilihlo lakho lijonge kwinto enye,* kukhanya umzimba wakho wonke. Kodwa xa ilihlo lakho lingalunganga,* nomzimba wakho wonke usebumnyameni.+ 35  Ngoko ke lumkani, kungathi kanti ukukhanya kwenu bubumnyama. 36  Ngoko ke, ukuba wonke umzimba wakho uyakhanya, ungenandawo isebumnyameni, uza kukukhanyisela njengesibane.” 37  Emva kokuba ethethe le nto, omnye umFarisi wammema ukuba azokutya kwakhe. Ngoko waya endlini yakhe waza watya naye. 38  Kodwa ke, lo mFarisi wothuka akubona ukuba uYesu akaqalanga wahlamba izandla* ngaphambi kokuba atye.+ 39  INkosi yathi kuye: “Nina baFarisi, niyihlamba ngaphandle indebe nesitya, kodwa ngaphakathi nigcwele kukunyoluka nobubi.+ 40  Aniyisebenzisi ingqondo! Andithi lowo wenze umphandle wenze nomphakathi? 41  Ngoko xa nisenzela abanye inceba,* mayisuke ngaphakathi entliziyweni, emva koko yonke enye into ngani iza kutsho icoceke. 42  Niza kuthi shu nina baFarisi, kuba ninikela ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina nesayo yonke eminye imifuno yokunonga,+ kodwa nibubekela ecaleni ubulungisa nothando lukaThixo! Ezi zizinto ebenimele nizenze, kodwa ningaziyekanga nezinye izinto ezibalulekileyo.+ 43  Niza kuthi shu nina baFarisi, kuba nithanda izihlalo eziphambili* kwizindlu ekukhonzelwa kuzo,* nokubuliswa ngembeko kwiindawo ekuthengiswa kuzo!+ 44  Niza kuthi shu, kuba ninjengamangcwaba* angabonakaliyo,*+ abantu abahamba phezu kwawo bengazi!” 45  Omnye umntu owayewazi kakuhle uMthetho waphendula wathi: “Mfundisi, uthuka nathi ngoku.” 46  UYesu wathi kuye: “Niza kuthi shu nani niwaziyo uMthetho, kuba nithwalisa abantu imithwalo enzima, kodwa nina aniyichukumisi nangomnwe lo!+ 47  “Niza kuthi shu, kuba nakha amangcwaba* abaprofeti, kodwa babulawa ngookhokho benu!+ 48  Kucacile ukuba niyazazi izinto ezenziwa ngookhokho benu, ibe niyavumelana nazo, kuba bona babulala abaprofeti,+ kodwa nina nakha amangcwaba abo. 49  Ngoko, ngenxa yobulumko bakhe, uThixo wathi: ‘Ndiza kuthumela kubo abaprofeti nabapostile, ibe abanye baza kubabulala, abanye babatshutshise, 50  ukuze esi sizukulwana sibe netyala lokuchitha igazi labo bonke abaprofeti ukususela ekusekweni kwehlabathi*+ 51  kwigazi lika-Abheli+ ukuya kutsho kwigazi likaZekariya, owabulawelwa phakathi kwesibingelelo netempile.’+ Nditsho nangoku, sesi sizukulwana esiza kuba netyala. 52  “Niza kuthi shu nina niwaziyo uMthetho, kuba nithathe isitshixo solwazi ebantwini. Nina anilufumananga, ibe niyabanqanda nabo balufunayo!”+ 53  Xa ephuma apho, ababhali nabaFarisi bamxina kanobom bemmele ngemibuzo emininzi, 54  begade ukuba athethe into abanokummangalela ngayo.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “maliphathwe njengelingcwele igama lakho.”
Oku kubhekisela kuSathana.
Okanye “kwebhaskithi yokukala.”
Okanye “libona kakuhle.” Ngokoqobo, “aliphazamiseki.”
Ngokoqobo, “linomona; likhohlakele.”
Oko kukuthi, akazange azicoce ngendlela ebhalwe emthethweni.
Okanye “Xa nisipha amahlwempu izipho.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ezibekekileyo.”
Okanye “kwizindlu zesikhungu.”
Okanye “ninjengamangcwaba enkumbulo.”
Okanye “angaphawulwanga.”
Okanye “amangcwaba enkumbulo.”
Oko kukuthi, ngexesha lokuzalwa kwabantwana baka-Adam noEva.