DISEMBA 10, 2024
ECAMEROON
Kwiphulo Elikhethekileyo Lokushumayela Kucelwe Izifundo ZeBhayibhile Ezingaphezu Kweziyi-1 700 Kwiindawo Ezisecaleni ECameroon
Ukususela ngoMeyi ukuya kuSeptemba 2024, angaphezu kwe-1 000 amaNgqina kaYehova aye ancedisa kwiphulo elikhethekileyo lokushumayela eCameroon, ukuze kufunyanwe abantu abahlala kwezona ndawo zikude kweli lizwe. Kuqikelelwa ukuba kubantu abahlala eCameroon, phantse ihafu ihlala kwiindawo ezisecaleni. Ngenxa yeli phulo, bangaphezu kwe-1 700 abantu abaye bacela ukufundelwa iBhayibhile.
EOmende, eCameroon
Kwidolophu yaseOmbessa, oodade ababini baye bancokola nendoda enesigulo esinganyangekiyo. Emva kokuchaza indlela enestres ngayo kuba ingafumani unyango, aba dade bayichazela ngesithembiso sikaYehova esikwiSityhilelo 21:3, 4. Le ndoda yathi, “Ingenzeka njani into enjalo?” Aba dade bayifundela uDaniyeli 2:44 baza bachaza ukuba uBukumkani bukaThixo bubo kuphela obuza kulungisa iingxaki zabantu. Inomdla wokufunda okungakumbi, le ndoda yamkela isifundo seBhayibhile.
Oodade ababini ababeshumayela kwindlu-ngendlu eLöwe bancokola nelinye ibhinqa ngethemba labantu abafileyo. Ukubuya kwabo emva kweentsuku ezimbalwa, bavuyiswa kukubona ukuba eli bhinqa laye lamema abahlobo balo ababini ukuba babekhona kule ncoko. La mabhinqa mathathu ayefuna ukuva nezinye izithembiso zeBhayibhile. Emva kokufunda isifundo 02 kwincwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, la mabhinqa athi afuna ukuqhubeka efunda iBhayibhile namaNgqina.
EBafou, eCameroon
EMouanko, kukho oodade abaqalisa incoko nelinye ibhinqa elalisevenkileni. Njengoko babencokola nalo, kukho utata owayemamele waza waya kubo. Baye bababonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile baza babamemela kwiintlanganiso zebandla. Bavuya kakhulu xa bebona eli bhinqa nabantwana balo ababini beze kwiintlanganiso kwakula mpelaveki. Bavuyiswa nakukubona la tata naye ezile ezintlanganisweni. Bobane bazonwabela ezi ntlanganiso ibe bathembisa ukuba baza kuphinda baye kwiHolo yoBukumkani.
Siyabaxabisa abazalwana noodade wethu baseCameroon kuba basebenze nzima ukuze “zonke iintlobo zabantu” zive iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.—1 Timoti 2:4.