INGOMA 19
Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa
-
1. Yehova Thixo ezulwini,
Obu busuku bungcwele!
Wawuzimisele ukulubonisa
Uthando namandla akho.
Abantu bakho bakhuselwa,
Ligazi layo iMvana.
Kamva nay’ iNkosi yancama ubomi
Kwazalisek’ isiprofeto.
-
2. Le mifuziselo isenza
Simxabise uYehova.
Wasenzel’ okuhle
ngesipho soNyana
Owahlala ethobela.
Ngobu busuku sikhumbula
Esakwenzelwa nguYesu
Xa wazinikela
esihlawulela
Esikhulula ekufeni.
-
3. Siphambi kwakho Thixo wethu,
Size ngokumenywa nguwe.
Siyakudumisa
ngothando onalo
Yaye siyakuzukisa,
Isikhumbuzo sibangela
Sikhonze sizimisele.
Sinceda ukuba sixelis’ uKristu
Sizuze umvuzo wobomi.
(Funda nezi: Luka 22:14-20; 1 Kor. 11:23-26.)