INGOMA 10
Dumisa UYehova, UThixo Wethu!
-
1. Dumisa! Dumis’ uThixo!
Zukisa igama lakhe!
Lumkisa ngemini yakhe,
Bonk’ abantu mabathobele.
UThixo umisele uNyana
Alaw’le njengoKumkani.
Chazela abantu ngako oko
Nangeentsikelelo zako!
(CHORUS)
Dumisa! Dumis’ uThixo!
Shumayela ngozuko lwakhe!
-
2. Dumisa! Dumis’ uThixo!
Cula ngehlombe novuyo!
Ngokusuk’ entliziyweni,
Shumayela ngozuko lwakhe.
Nangona ezukile uThixo,
Usiphatha ngentobeko.
Uyakwazi esikudingayo
Uyasiphendula thina.
(CHORUS)
Dumisa! Dumis’ uThixo!
Shumayela ngozuko lwakhe!
(Funda nezi: INdu. 89:27; 105:1; Yer. 33:11.)