Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IiMpawu Neendlela Zokucinga Ezingalunganga

IiMpawu Neendlela Zokucinga Ezingalunganga

Zeziphi iimpawu neendlela zokucinga amaKristu afanele aziphephe?

Ikratshi; impakamo

Jonga umxholo othi “IKratshi

Inkani

Yer 13:10

Jonga noYer 7:23-27; Zek 7:11, 12

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 2Kr 36:11-17—UZedekiya ngukumkani owenza izinto ezimbi nonenkani, obazisela intlekele abantu bakhe

    • IZe 19:8, 9—Umpostile uPawulos uyabashiya abantu abanenkani abangafuniyo ukukholelwa umyalezo woBukumkani

Ubuvila

Ukoyika abantu

Nd 118:6; IMi 29:25; Mat 10:28

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Num 13:25-33—Amadoda ayi-10 akwaSirayeli ebeye kuhlola ilizwe abhuqwa luloyiko aze abangele ukuba nabanye abantu boyike

    • Mat 26:69-75—Umpostile uPetros uphika uYesu kathathu ngenxa yokoyika abantu

Ukuba ligwala

Ukucaphuka okuhamba nenkohlakalo

1Sa 30:6; Efe 4:31; Kol 3:19

Jonga noYak 3:14

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • Obha 10-14—AmaEdom ayohlwaywa ngenxa yokuba nomsindo kubantakwabo, amaSirayeli

Ukucaphukela omnye umntu

Ukudelela

Jonga umxholo othi “UkuDelela

Ukuhanahanisa

Jonga umxholo othi “UkuHanahanisa

Ukukhohlakala

Dut 15:7, 8; Mat 19:8; 1Yo 3:17

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 42:21-24—AbantakwaboYosefu bayazisola ngenkohlakalo abayenza kuYosefu

    • Mar 3:1-6—UYesu ubuhlungu kakhulu ngenxa yendlela abakhohlakele ngayo abaFarisi

Ukungabi bhetyebhetye

Mar 7:21-23; Efe 5:17

Jonga no-1Pe 2:15

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • 1Sa 8:10-20—AmaSirayeli aphendula engacinganga xa umprofeti uSamuweli ewaxelela ngendlela ekungebobulumko ngayo ukuba nokumkani ongumntu

    • 1Sa 25:2-13, 34—UNabhali uphantse ayizisele intlekele yonke indlu yakhe ngokungasamkeli isicelo esivakalayo

Ukurhanela nokutyhola umntu ngezinto ezimbi

Yob 1:9-11; 1Ti 6:4

  • Umzekelo oseBhayibhileni onokunceda:

    • 1Sa 18:6-9; 20:30-34—UKumkani uSawule urhanela ukuba uDavide akathembekanga kuye aze azame nokwenza uYonatan ajikele uDavide

Ukuthanda imali, izinto ezikhoyo

Mat 6:24; 1Ti 6:10; Heb 13:5

Jonga no-1Yo 2:15, 16

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Yob 31:24-28—Nangona uYobhi esisityebi, uyakuphepha ukuthanda kakhulu imali nezinto

    • Mar 10:17-27—Umfana osisityebi uzithanda kakhulu izinto zakhe ukuba angade azishiye alandele uYesu

Ukuthanda ukuxabana

IMi 26:20; Fil 2:3; 1Ti 3:2, 3; Tit 3:2; Yak 3:14-16

Jonga neMi 15:18; 17:14; 27:15; Yak 3:17, 18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 13:5-9—Abalusi bemfuyo baka-Abraham nabakaLote bayaxabana, kodwa uAbraham wenza kubekho uxolo

    • ABa 8:1-3—Amadoda akwaEfrayim afuna ukulwa noMgwebi uGidiyon, kodwa ukuthobeka kwakhe kuyawuhlisa umsindo wawo

Ukuvukela

Ukuzenza ilungisa

INt 7:16; Mat 7:1-5; Rom 14:4, 10-13

Jonga noIsa 65:5; Luk 6:37

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Mat 12:1-7—UYesu ubaveza phandle abaFarisi ukuba bathanda ukuzenza amalungisa

    • Luk 18:9-14—UYesu wenza umzekeliso ukuze abonise ukuba uThixo akabathandi abantu abazenza amalungisa

Ukuzigqatsa

Jonga umxholo othi “UkuziGqatsa

Umona; ukunyoluka

Rom 13:9; 1Pe 2:1

Jonga namaGal 5:26; Tit 3:3

Jonga nomxholo othi “UMona” nothi “UkuNyoluka

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 26:12-15—UYehova uyamsikelela uIsake osebenza nzima, aze amaFilisti aqalise ukummonela

    • 1Ku 21:1-19—UKumkani uAhabhi ongalunganga ubawela intsimi yeediliya kaNabhoti, ize loo nto iphumele ekubeni uNabhoti enzelwe iyelenqe aze abulawe

Umsindo

Nd 37:8, 9; IMi 29:22; Kol 3:8

Jonga neMi 14:17; 15:18

  • Imizekelo eseBhayibhileni enokunceda:

    • Gen 37:18, 19, 23, 24, 31-35—AbantakwaboYosefu bayamhlasela, bamthengisele ukuba abe likhoboka, baze baqhathe uYakobi bamenze acinge ukuba unyana wakhe amthandayo uswelekile

    • Gen 49:5-7—USimeyon noLevi bafumana isohlwayo ngenxa yomsindo nenkohlakalo yabo

    • 1Sa 20:30-34—Ngenxa yomsindo, uKumkani uSawule akamboneli ntweni unyana wakhe uYonatan futhi uzama nokumbulala

    • 1Sa 25:14-17—UNabhali uthuka amadoda kaDavide, nto leyo ephantse ibeke abantu bendlu yakhe engozini