ISIFUNDO 15
UYehova Akazange Amlibale UYosefu
Ngoxa uYosefu wayesentolongweni, uFaro ukumkani waseYiputa waphupha izinto ekwakungekho mntu ukwaziyo ukuzitolika. Omnye wabakhonzi bakhe wamxelela ukuba nguYosefu owayenokuwatolika loo maphupha. Ngoko nangoko uFaro wathi makabizwe.
Wambuza: ‘Ungakwazi ukuwatolika amaphupha am?’ UYosefu wathi: ‘IYiputa iza kuba neminyaka eyi-7 yentlutha enkulu, emva kwayo kubekho eminye eyi-7 yendlala. Zikhethele umntu osisilumko oza kugcina ukutya ukuze abantu bakho bangalambi.’ UFaro wathi: ‘Nguwe kanye loo mntu! Ndikunika igunya phezu kwayo yonke into eseYiputa!’ Wancedwa ngubani uYosefu ukuze akwazi ukutolika amaphupha kaFaro? NguYehova kaloku.
Kwiminyaka eyi-7 emva koko, uYosefu wagcina ukutya. Ngoko yafika iminyaka yendlala kanye njengoko uYosefu wayetshilo. Abantu beza kuthenga ukutya kuye besuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Utata wakhe weva ukuba kukho intlutha enkulu eYiputa, wathumela oonyana bakhe abayi-10 apho ukuba baye kuthenga ukutya.
Bakufika kuYosefu, wabazi zisuka. Kodwa bona abazange bamazi. Baqubuda kuye njengoko wayephuphe njalo xa wayesemncinci. Wayefuna ukwazi ukuba basamcaphukela na. Ngoko wathi kubo: “Niziintlola! Nize kubona ukuba
libuthathaka phi na ilizwe!” Bathi bona: ‘Akunjalo! Singoonyana abayi-12 abasuka kwaKanan. Omnye wasweleka, oyena mncinane ukutata.’ UYosefu wathi kubo: ‘Zisani umntakwenu omncinci kum, yaye ndiza kunikholelwa.’ Ngoko babuyela kutata wabo.Xa kwaphinda kwaphela ukutya, uYakobi waphinda wathuma oonyana bakhe eYiputa. Kweli xesha bahamba nonyana wokugqibela katata wabo, uBhenjamin. Ebavavanya, uYosefu wafihla indebe yakhe yesilivere ebhegini kaBhenjamin yokutya okuziinkozo waza wabatyhola esithi bayibile. Xa umkhonzi kaYosefu wayifumana ebhegini kaBhenjamin, bothuka kakhulu abantakwabo. Bamcenga bathi makohlwaye bona endaweni kaBhenjamin.
UYosefu wabona ukuba batshintshile. Akazange akwazi ukuzibamba. Zehla iinyembezi, wathi: ‘NdinguYosefu umntakwenu. Utata usaphila kodwa?’ Bothuka kakhulu. Wathi kubo: ‘Ningakhathazeki ngento enandenza yona. UThixo wandithumela apha ukuze ndisindise ubomi benu. Khawulezani niye kulanda utata.’
Babuyela kuyise bemphathele iindaba ezimnandi baza bamzisa eYiputa. Emva kweminyaka bohlukana, uYosefu waphinda wadibana notata wakhe.
“Kanti ukuba anibaxoleli, noTata wenu akazukunixolela.”—Mateyu 6:15