Ungaze Ube “Nomsindo Nxamnye NoYehova”
“Bubudenge bomntu wasemhlabeni obugqwetha indlela yakhe, ize nentliziyo yakhe ibe nomsindo nxamnye noYehova.”
1, 2. Kutheni singamele sityhole uYehova ngeengxaki zoluntu? Cacisa.
MASITHI uyindoda esele ineminyaka itshatile yaye wonwabile nomfazi wakho. Kuthi ngenye imini xa ungena kwakho, ufika yonke into ithe saa, inguqulukubhode nje. Ifenitsha ibubutyobo, izitya ziziingceba, singasathethi ke ngekhaphethi. Elo khaya lebhongo lijike layingqushu. Nguwuphi umbuzo ubuya kuwubuza? Ngaba ngothi, “Ungenwe yintoni kodwa lo mfazi?” Okanye, “Ngubani lo usenze le nto?” Akuthandabuzeki ukuba ngulo mbuzo wesibini ubuya kukhawuleza uthi qatha. Ngoba? Kaloku uyazi ukuba inzwakazi yakho ibingenakuze iwenze loo mbhodamo.
2 Yiloo nto kanye eyenzekayo namhlanje kweli khaya labantu, umhlaba, lidlakazwa ziityhefu ezingcolileyo, ugonyamelo nokuziphatha kakubi. Njengabafundi beBhayibhile, siyazi ukuba uYehova akanakuba ngunobangela wazo zonke ezi ngxaki. Wadala lo mhlaba efuna ube yiparadesi ekonwatyiweyo kuyo. (Gen. 2:8, 15) UYehova nguThixo oluthando. (1 Yoh. 4:8) Ukufundisisa kwethu iBhayibhile kuye kwasinceda samazi oyena nobangela weengxaki zehlabathi. Akakho omnye ngaphandle kukaSathana uMtyholi, “umlawuli wehlabathi.”
3. Ingenzeka njani into yokuba sijijeke ingqondo?
3 Kodwa ke, asinakusoloko sityhola uSathana ngazo zonke iingxaki zethu. Ngoba? Kaloku unozala wezinye zeengxaki esinazo ziimpazamo esizenzayo. (Funda iDuteronomi 32:
4, 5. Inokwenzeka njani into yokuba umKristu abe “nomsindo nxamnye noYehova”?
4 Ngaba inokwenzeka ngokwenene into yokuba sibe “nomsindo nxamnye noYehova”? Bekuya kuba lilize ukwenjenjalo. (Isa. 41:
5 Yintoni enokusenza sibe “nomsindo nxamnye noYehova”? Sinokuwuphepha njani loo mgibe? Kubalulekile ukufumana iimpendulo zale mibuzo. Kaloku, lo mba uchaphazela ulwalamano esinalo noYehova uThixo!
YINTONI ENOKUSENZA SIBE “NOMSINDO NXAMNYE NOYEHOVA”?
6, 7. Kwakutheni ukuze amaSirayeli awayephila ngomhla kaMoses aqalise ukukhalazela uYehova?
6 Yintoni enokwenza intliziyo yomkhonzi othembekileyo kaYehova iqalise ukukhalazela uThixo wakhe? Makhe siqwalasele oonobangela abahlanu size sihlolisise imizekelo eseBhayibhileni ebalaselisa indlela abawela ngayo kulo mgibe abathile mandulo.
7 Sinokuphenjelelwa kukumbombozela kwabanye. (Funda iDuteronomi 1:
8. Yintoni eyabangela ukuba abakhonzi bakaThixo baqalise ukutyhola uYehova ngeengxaki zabo ngomhla kaIsaya?
8 Ubunzima bunokusidimaza. (Funda uIsaya 8:
9. Kwakutheni ukuze amaSirayeli omhla kaHezekile agqibele ngokuba nembono ephosakaleyo?
9 Asizazi zonke izibakala. Ngenxa yokungazazi zonke izibakala amaSirayeli omhla kaHezekile ayevakalelwa ukuba indlela kaYehova ‘ayilungiswanga.’ (Hez. 18:29) Kwaba ngathi azenze abagwebi bakaThixo, exabisa imilinganiselo yawo yobulungisa ngaphezu kwaleyo kaYehova aza amgweba ngokusekelwe kolo lwazi lwabo lulinganiselweyo. Xa kukho ingxelo yeBhayibhile esingayiqondi kakuhle okanye indlela ezenzeka ngayo izinto kubomi bethu, ngaba inokwenzeka into yokuba sivakalelwe kukuba undonakele ukwindlela kaYehova ‘engalungiswanga’?
10. Umntu unokuyenza njani impazamo yokuxelisa uAdam?
10 Sigxeka abanye ngezono neempazamo zethu. Kwasekuqaleni kwembali yoluntu, uAdam wagxeka uThixo ngesono asenzileyo. (Gen. 3:
11. Sifunda siphi isifundo kuYona?
11 Sisuka sicingele iziqu zethu. Umprofeti uYona akazange akholiswe sisigqibo sikaYehova sokuyenzela inceba iNineve. (Yona 4:
UKUPHEPHA UKUBA “NOMSINDO NXAMNYE NOYEHOVA”
12, 13. Ukuba intliziyo yethu iqalisa ukuthandabuza izenzo ezithile zikaYehova, yintoni esimele siyixabise?
12 Yintoni esinokuyenza ukuba intliziyo yethu enesono iqalisa ukuthandabuza izenzo ezithile zikaYehova? Simele sikhumbule ukuba bubudenge obo. Enye inguqulelo yeBhayibhile ithi kwiMizekeliso 19:3: “Ubuyatha bomntu buyabonakalisa ubomi bakhe, aze emva koko asole uYehova.” (Byington) Sicinga ngoko, makhe siqwalasele iinkalo ezintlanu eziya kusinceda singaze sigxeke uYehova ngenxa yokuxakaniseka ziingxaki zobomi.
13 Xabisa ulwalamano onalo noYehova. Singayiphepha into yokuvumela ukungafezeki kwethu kusenze sibe nomsindo nxamnye noThixo ukuba silondoloza ulwalamano esinalo naye. (Funda iMizekeliso 3:
14, 15. Yintoni eya kusinceda singachatshazelwa kukumbombozela kwabanye?
14 Musa ukuyivumela impembelelo yabo bambombozelayo. Ngomhla kaMoses amaSirayeli ayenezizathu ezininzi zokukholelwa ukuba uYehova wayeya kukwazi ukuwangenisa kwiLizwe Lesithembiso. (INdu. 78:
15 Kuthekani ukuba sibajonga kakubi abazalwana bethu? Xa sisenjenjalo, asinakukwazi ukuba nolwalamano oluhle noYehova. (1 Yoh. 4:
16, 17. Yintoni esimele siyikhumbule xa sineengxaki?
16 Khumbula ukuba uYehova akangonobangela weengxaki zethu. Nakuba amaSirayeli ayemshiyile uYehova ngomhla kaIsaya, wayesafuna ukuwanceda. (Isa. 1:
17 Ukuba siphathwa kakubi
18, 19. Kutheni singamele simthandabuze uYehova? Zekelisa.
18 Ungaze umthandabuze uYehova. UThixo ugqibelele yaye iingcamango zakhe ziphakame lee kunezethu. (Isa. 55:
19 Ukuba besinomhlobo esimthembayo aze enze into esingayiqondiyo ekuqaleni okanye esivakalelwa kukuba ayiqhelekanga, ngaba besiya kungxama simtyhole ngokwenza okuphosakeleyo? Ngaba besingayi kumthemba, ngakumbi xa sele sinethuba simazi? Ukuba sibaphatha kakuhle ngaloo ndlela abahlobo bethu abangafezekanga, ngaba besingamele simthembe ngakumbi ke yena uBawo wethu wasezulwini, ondlela neengcamango zakhe ziphakame lee kunezethu!
20, 21. Kutheni kubalulekile nje ukubeka ityala kumntu elimfaneleyo?
20 Beka ityala kumntu elimfaneleyo. Kutheni simele senjenjalo? Kaloku, ezinye iingxaki zethu sisenokuba sizibangele ngokwethu. Xa kunjalo, simele siyivume loo nyaniso. (Gal. 6:7) Masingazami ukugxeka uYehova ngeengxaki zethu. Kutheni kungebobulumko nje ukwenjenjalo? Cinga ngalo mzekelo: Imoto isenokukwazi ukubaleka. Ukuba umqhubi ebenokudlula kwisantya esifanelekileyo ngoxa eza kujika egopheni ize ke loo moto iye kuntlitheka, ngaba kumele kugxekwe umenzi wayo ngaloo ngozi? Unotshe! Ngokufanayo, uYehova usidale sanenkululeko yokuzikhethela. Kodwa uye wasinika imiyalelo esikhokelayo ukuze senze izigqibo zobulumko. Ngoko ke, asinaso kwaphela isizathu sokugxeka uMdali wethu ngeempazamo esizenzayo.
21 Kakade ke, asizizo zonke iingxaki esinazo ezibangelwa ziimpazamo nazizenzo zethu eziphosakeleyo. Ezinye izinto zisehlela ngenxa ‘yexesha nesehlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshu. 9:
XABISA ULWALAMANO ONALO NOYEHOVA
22 Xa usebunzimeni, umele ukhumbule umzekelo kaYoshuwa noKalebhi. Ngokwahlukileyo kwezinye iintlola ezilishumi, la madoda mabini athembekileyo eza nengxelo entle. (Num. 14:6-9) Aba nokholo kuYehova. Sekunjalo, kwanyanzeleka ukuba azule entlango iminyaka eyi-40 kunye namanye amaSirayeli. Ngaba akhalaza okanye aba buhlungu, evakalelwa ukuba akukho sikweni oko? Nakanye. Athembela kuYehova. Ngaba asikelelwa ke? Umntu uyibuza njani loo nto! Kaloku, ngoxa sonke eso sizukulwana safela entlango, omabini la madoda angena ngazo zombini kwiLizwe Lesithembiso. (Num. 14:
22, 23. Yintoni esimele siyikhumbule xa sidinyazwa ziingxaki zethu?
23 Yintoni omele uyenze ukuba udimazekile ngenxa yeengxaki, ukungafezeki kwabanye okanye okwakho? Cinga ngeempawu ezimangalisayo zikaYehova. Malithi thaa engqondweni yakho ithemba akunika lona uYehova. Zibuze, ‘Bendiya kuba yintoni ngaphandle kukaYehova?’ Hlala usondele kuye, ungaze uvumele intliziyo yakho ibe nomsindo nxamnye naye!