INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO
Unokuyifumana Njani?
UCINGA UKUBA WONWABILE? Ukuba uthi wonwabile, yintoni ekonwabisayo? Yintsapho, ngumsebenzi okanye yinkonzo okuyo? Mhlawumbi kukho into eseza konwabisa, njengokugqiba isikolo, ukufumana umsebenzi okanye ukuthenga imoto.
Abantu abaninzi bayonwaba xa benze into ekudala befuna ukuyenza okanye befumene into ekudala beyirhalela. Kodwa olo lonwabo luhlala ixesha elingakanani? Ludla ngokukhawuleza luphele.
Kuthiwa ukonwaba kukuhlala wanelisekile emphefumlweni, useluxolweni, uphila kamnandi kungekho nto ikukhathazayo nanto ebonisa ukuba le mpilo iya kuze iphele ngeny’ imini.
Ulonwabo olunjalo aluxhomekekanga kwizinto umntu azifumanayo ebomini, kodwa luxhomekeke kwindlela aphila ngayo. Xa usithi, “ndiza konwaba xa . . . ” ngamany’ amazwi uthi, awulufuni ngoku, ulufuna ngelinye ixesha.
Ngokomzekelo, khawuthelekise ukonwaba nokuba sempilweni. Yintoni esiyenzayo ukuze sibe sempilweni? Siye sijonge indlela esitya ngayo, sijime size siziphathe kakuhle. Injalo ke nendlela yokufumana ulonwabo. Silufumana ngokuphila ngemigaqo efanelekileyo.
Kufuneka uphile njani okanye ube neziphi iimpawu ukuze wonwabe? Nangona ezinye iindlela ekufuneka uphile ngazo neempawu omele ube nazo zibalulekile kunezinye, kodwa nazi ezona zifunekayo:
-
UKWANELISEKA NOKUPHA
-
UKUBA SEMPILWENI NOKULUNGELA ZONKE IIMEKO
-
UTHANDO
-
UKUXOLELA
-
UKWAZI INJONGO YOBOMI
-
ITHEMBA
Incwadi enobulumko nehlonitshwa kakhulu ithi: “Banoyolo abo bandlela yabo ingenasiphoso.” (INdumiso 119:1) Makhe sithethe ngezi ndlela zintandathu zichazwe ngasentla.