Yiya kwinkcazelo

JUNI 29, 2023
EARGENTINA

Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Kwiindawo Ezisecaleni EArgentina NaseUruguay

Ukushumayela Iindaba Ezilungileyo Kwiindawo Ezisecaleni EArgentina NaseUruguay

Isebe laseArgentina liye lalungiselela iphulo elikhethekileyo lokushumayela kwiindawo ezisecaleni zase-Argentina naseUruguay, ukususela ngoJanuwari ukuya kutsho ngoAprili 2023. Abavakalisi abangaphezu kwe-9 500 ababekho kweli phulo baye bangamaqela ayi-700. Banceda amabandla amaNgqina kaYehova ayi-146 kwiindawo ezisecaleni zentsimi yesebe.

Bangaphezu kwemiliyoni abantu abahlala kwezo dolophu zincinci, nabantu bezo lali zaseArgentina naseUruguay. Kwiminyaka emithathu edlulileyo bekunzima ukuba abavakalisi baye kwezi ndawo zisecaleni. Abazalwana noodade baye bakuvuyela ukuphinda bakwazi ukuthetha nabantu ngeBhayibhile kwezi ndawo zisecaleni.

UMzalwana uAdrián Donadío nomfazi wakhe uKarina, bahamba iikhilomitha ezimalunga ne-1 600 ukuze bayo kufika eTartagal, eArgentina. UAdrián uthi: “Xa sabona indlela abakufuna ngayo ukumazi uThixo, sakwazi ukubakhuthaza ngeendaba ezilungileyo.”

Kwidolophu yaseBarrancas, eArgentina, abavakaisi ababini batyelela abantu abatshatileyo abaneminyaka esele ikoo-90, baza baqalisa ukufunda nabo iBhayibhile ngaphambi kweKhorona. Ngenxa yokuba ikhaya labo lisecaleni ne-intanethi yabo ingasebenzi kakuhle, zange bakwazi ukudibana nebandla kangangeminyaka emithathu. Kodwa baqhubeka befunda iBhayibhile yonke imihla, bethandaza becela uYehova ukuba kubekho umntu oza kuphinda afike. Bavuya kakhulu xa abazalwana bafika ebudeni bephulo. Bambulela uYehova ngokuphendula imithandazo yabo, ibe kwenziwa nelungiselelo lokuqhubeka befunda.

UMzalwana uEduar Ferreira nomfazi wakhe uAlejandra, abangoovulindlela abathe ngxi baseMontevideo, eUruguay, bahamba iikhilomitha eziyi-400 besiya kwiphulo elikwiindawo ezisecaleni. Babehamba nabantwana babo abathathu abaneminyaka eyi-17, 15, neyi-11. UEduar uthi: “Bekumnandi ukubona abantwana bethu beshumayela bevuya. Njengentsapho sonke sikhangele phambili kwiphulo elilandelayo!”

Siyavuya ukubona indlela uYehova aye wabasikelela ngayo abazalwana noodade njengoko ‘bebeyenza icace’ into abayishumayelayo kwezi ndawo zisecaleni.​—IZenzo 10:42.