Yiya kwinkcazelo

Sekuyiminyaka engaphezu kweyi-70 iMboniselo iguqulelwa ngesiZulu

FEBRUWARI 1, 2024
EMZANTSI AFRIKA

Sekuyiminyaka Eyi-75 Kushunyayelwa NgoBukumkani BukaThixo NgesiZulu

Sekuyiminyaka Eyi-75 Kushunyayelwa NgoBukumkani BukaThixo NgesiZulu

NgoJanuwari 2024 isiZulu sigqibe iminyaka eyi-75 sipapasha iMboniselo. Ukususela ngo-1949, iikopi zeMboniselo ngesiZulu zaziprintwa kwisebe laseMzantsi Afrika ngomatshini wokuprinta osetyenziswa ngezandla. Ekuhambeni kwexesha, kweli sebe kwabakho umatshini osebenza kakuhle nobangela iimagazini ziprintwe kakuhle nangokukhawuleza.

Umguquleli weminyaka yoo-1980 usebenzisa umatshini wokurekhoda ukuze aguqulele iincwadi zeBhayibhile ngesiZulu

Ekuqaleni, eyona ngxaki yayikukufumana indawo efanelekileyo abaza kuhlala kuyo abaguquleli beqela lesiZulu. Imithetho yocalucalulo eMzantsi Afrika yayingabavumeli abantu abamhlophe nabamnyama ukuba bahlale kwisakhiwo esinye. Abaguquleli besiZulu kwakunyanzeleka ukuba bangahlali eBheteli. Ngenxa yalo nto, babehamba ixesha elide, besebenzisa imali eninzi, ibe benazo nezinye iingxaki. Kangangokuba kwakukho ixesha apho abaguquleli besiZulu abayi-20 babehlala kwigumbi elinye ehostel. UMzalwana uAlfred Phatswana wayengomnye wabo bantu babejongene neengxaki ezinjalo ukususela ngo-1981. Ngoku, ukwiKomiti yeSebe laseMzantsi Afrika. Uthi: “Kwakunzima ehostel. Kodwa sasivuyela ukuba nendawo eyayisinceda sikwazi ukuxhasa umsebenzi wokuguqulela. Enye into, xa sihlala siqinisekisa ukuba iindawo esihlala kuzo zicocekile, loo nto yayisenza saziwe kakuhle njengamaNgqina kaYehova.”

Ngoku, abazalwana noodade abaguqulela isiZulu baneendawo zokuhlala ezifanelekileyo, ibe basebenza kunye kwiofisi yabo yokuguqulela eseThekwini, eMzantsi Afrika. Ngoku, abavakalisi abangaphezu kwabayi-28 000 kumabandla ayi-584 esiZulu bayakwazi ukufumana iMboniselo nezinye iincwadi zeBhayibhile ngolwimi lwabo.

Umfanekiso ongasentla: Iofisi yokuguqulela (RTO) eThekwini, eMzantsi Afrika. Umfanekiso osezantsi: Abazalwana noodade abasebenza eRTO. Ekunene: Umzalwana nodade bayashumayela besebenzisa iMboniselo yesiZulu

Siyavuya kuba uYehova uyawusikelela umsebenzi wabo baguqulela iMboniselo nezinye iincwadi zeBhayibhile ngesiZulu, ukuze abaninzi basele “amanzi obomi mahala.”—ISityhilelo 22:17.