Yiya kwinkcazelo

Ngaphandle kwisakhiwo esitsha seofisi yokuguqulela

FEBRUWARI 22, 2023
EMZANTSI AFRIKA

ISebe LoMzantsi Afrika Livula IOfisi Yokuguqulela Yolwimi LwesiVenda

ISebe LoMzantsi Afrika Livula IOfisi Yokuguqulela Yolwimi LwesiVenda

NgoDisemba 7, 2022, iofisi yokuguqulela ekuthiwa yiRTO yolwimi lwesiVenda kuye kwaqaliswa ukusetyenzelwa kuyo eMakhado, eMzantsi Afrika. Iqela lokuguqulela linabaguquleli bexesha elizeleyo abayi-10, nabayi-8 abancedisayo ngamaxesha athile.

Baphantse babeyi-1.2 miliyoni abantu abathetha isiVenda eMzantsi Afrika nabanye abayi-100 000 eZimbabwe. Ngoku, kula mazwe mabini kukho amabandla esiVenda ayi-28, nabavakalisi abaphantse babeyi-800.

Kwesi sakhiwo, bekukho indlu eye yalungiswa ukuze ikwazi ukuhlala abantu abangakumbi. Kokhiwa nesakhiwo esitsha esineeofisi zokuguqulela. Kuye kwathengwa izakhiwo ezithathu ezikufutshane neofisi abaza kuhlala kuzo abanye abaguquleli.

I-RTO yakhiwe ukuze ikwazi ukumelana nemozulo yasekuhlaleni. Ngokomzekelo, umzalwana uJody Palvie, osebenza njengomphathi wolwakhiwo kwiSebe Lokuzoba/Nokwakha wathi: “Kushushu kakhulu kule ndawo, ngoko imithi emikhulu khange isuswe ukuze yenze umthunzi ibe kuye kwasetyenziswa kakhulu itiles nesamente ukuze zigcine isakhiwo sipholile.”

Ekhohlo: Kurekhodwa ucwangciso. Ekunene: Iqela labaguquleli besiVenda lisebenza kunye

Ukubakho kweofisi yokuguqulela kule ndawo kunceda abaguquleli bakwazi ukuba kunye nabantu abathetha isiVenda. Omnye umguquleli uthi: “Ngoku siyakwazi ukuthetha nabantu bolwimi lwesiVenda zonke iintsuku. Oku kusinceda siphucule indlela esiguqulela ngayo, sikwazi ukusebenzisa amagama nendlela ekuthethwa ngayo ngabantu.” Omnye umguquleli uthi: “Sihlala kufutshane nabazalwana noodade abathetha isiVenda abasincedisayo ngokurekhoda iividiyo neencwadi.”

Siyazi ukuba uYehova uza kuqhubeka ewusikelela umzamo wabazalwana noodade abenza konke okusemandleni abo ‘ukudumisa uYehova’ nabantu abathetha ulwimi lwesiVenda.—INdumiso 145:21.