Yiya kwinkcazelo

Ekhohlo: Umzalwana oguqulela kwintetho yezandla yaseMzantsi Afrika ufunda iBhayibhile. Ekunene: Abantu abatshatileyo bonwabele ividiyo ngentetho yezandla yaseMzantsi Afrika kunqulo lwentsapho

JANUWARI 25, 2022
EMZANTSI AFRIKA

Amagosa eMzantsi Afrika Ancoma AmaNgqina KaYehova Ngemizamo Yokunceda Abangevayo

Kuye Kwakhululwa Iincwadi Ezimbini ZeBhayibhile Ngolwimi Lwentetho Yezandla LwaseMzantsi Afrika

Amagosa eMzantsi Afrika Ancoma AmaNgqina KaYehova Ngemizamo Yokunceda Abangevayo

EMzantsi Afrika, abo baxhasa abangevayo baye babulela amaNgqina KaYehova ngokubanceda baphucule ubomi babo ngokubalungiselela iividiyo ezenziwe kakuhle zentetho yezandla yaseMzantsi Afrika (SASL). Oku kwenzeke emva kokukhululwa kwencwadi yamaGalati neyabase-Efese yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngolwimi lwentetho yezandla nge-15 kaNovemba 2021. Ngoku sele kukho iincwadi eziyi-10 zeBhayibhile ngolwimi lwentetho yezandla. Iincwadi zeBhayibhile eziyi-4 ziza kukhululwa ngoAprili 2022. Zonke ezi ncwadi ziyafumaneka ku-jw.org nakwiJW Library Sign Language app.

UMinna Steyn, oyititshala nenkokheli kuRhulumente waseNtshona Koloni uthe ngamaNgqina: “Ndiyakuthanda ukubukela abantu abathetha ngezandla ibe kufuneka ndibancome ngomsebenzi wabo osemagqabini.”

UBongani Makama, umongameli weFederation of the Disabled Eswatini, uthe: “Siyawancoma amaNgqina KaYehova ngokulungiselela abantu abangevayo nabangeva kakuhle ukuba babe nezinto abanazo nabantu abevayo.” Uphinde wathi: “Abangevayo bamele babe neBhayibhile ngolwimi lwabo. Yiyo loo nto sincoma amaNgqina kaYehova ngokunika abo bangevayo iincwadi zeBhayibhile ngolwimi lwabo. Sikhangele phambili ukuba nazo zonke iincwadi zeBhayibhile eziyi-66 ngolwimi lwentetho yezandla.”

Baphantse babeyi-450 000 eMzantsi Afrika abantu abasebenzisa intetho yezandla. Bayi-283 abavakalisi abangevayo nabangeva kakuhle eMzantsi Afrika. AmaNgqina aye anceda, “zonke iintlobo zabantu” ziyazi ngendlela echanileyo inyaniso, nabo bangevayo kwintsimi yesebe laseMzantsi Afrika.—1 Timoti 2:4.