Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESIBINI

“Wahamba NoThixo Oyinyaniso”

“Wahamba NoThixo Oyinyaniso”

1, 2. Nguwuphi umsebenzi owawusenziwa nguNowa nentsapho yakhe, yaye babejongene naluphi ucelomngeni?

KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni kaNowa esolula umqolo wakhe kunye nezihlunu zakhe ezibuhlungu. Khawumbone ethe vu kwisiphunzi somthi ejonge loo mkhombe mkhulu njengoko ephumle emva kokusebenza nzima. Ivumba elibi letela linuka kuyo yonke indawo; isandi sezixhobo zokusebenza naso sivakala sivakele. Kwindawo ahleli kuyo, uNowa ubukele oonyana bakhe njengoko besebenza nzima kuloo bhazabhaza womkhombe. Sele kudlule amashumi eminyaka yena, umfazi wakhe, oonyana bakhe kunye nabafazi babo besebenza kulo mkhombe. Mninzi umsebenzi abasele bewenzile, kodwa ke kusekude phambili!

2 Abantu bendawo ahlala kuyo bacinga ukuba uNowa nentsapho yakhe bashiywe ziingqondo. Okukhona ubonakala lo mkhombe ukuba uza kuba njani, kokukhona abantu behleka balale ngomqolo xa besiva uNowa esithi kuza umkhukula oza kutshabalalisa wonke umhlaba. Le ntlekele athi uNowa iyeza ivakala iyintsomi emini! Abantu bacinga ukuba iphambene le ndoda eye yachitha ubomi bayo kunye nobentsapho yayo isakha lo mkhombe. Noko ke, kuThixo wakhe uYehova, uNowa akasosidenge.

3. UNowa wahamba noThixo ngayiphi indlela?

3 ILizwi likaThixo lithi: “UNowa wahamba noThixo oyinyaniso.” (Funda iGenesis 6:9.) Yayitheth’ ukuthini loo nto? Yayingathethi kuthi uThixo wayehamba emhlabeni okanye uNowa waya ezulwini. Kunoko, uNowa wamthanda uThixo waza wamthobela kangangokuba kwaba ngathi bahamba kunye okwabahlobo. Kumawakawaka eminyaka kamva, iBhayibhile yathi ngoNowa: “[Ngokholo lwakhe] waligwebela isohlwayo ihlabathi.” (Heb. 11:7) Yenzeka njani loo nto? Thina, sinokufunda ntoni kukholo lwakhe?

Indoda Engenakusoleka Kwihlabathi Elonakeleyo

4, 5. Kwenzeka njani ukuba izinto zonakale ngendlela eqatseleyo ngemihla kaNowa?

4 UNowa wakhulela kwihlabathi elalisiya lisonakala. Elo hlabathi lalisele lonakele nangemihla kakhokho wakhe uEnoki, enye indoda elilungisa eyahamba noThixo. UEnoki wayeprofetile esithi iyeza imini ababeza kugwetywa ngayo abantu abangendawo. Kodwa ke, ngemihla kaNowa obo bungendawo babuqatsele. Eneneni, kuYehova umhlaba wawonakele kuba wawuzaliswe lugonyamelo. (Gen. 5:22; 6:11; Yude 14, 15) Kwakonakele phi?

5 Kwehla intlekele phakathi kweengelosi zikaThixo. Kaloku enye yazo yayisele imvukele uYehova yaza yaba nguSathana uMtyholi, owangcolisa igama likaThixo waza walukuhla uAdam noEva ukuba bone. Ngemihla kaNowa, nezinye iingelosi zavukela ulawulo lukaYehova. Zashiya izikhundla zazo zasezulwini zaza zeza emhlabeni, apho zafika zazenza abantu zaza zatshata nabafazi abahle. Ezo njubaqa zeengelosi zabafaka umoya wezikhova abantu.—Gen. 6:1, 2; Yude 6, 7.

6. IiNefili zaziphembelela njani iimeko ehlabathini, ibe uYehova wagqiba ukuba makenze ntoni?

6 Ukulala kweengelosi kunye nabafazi kwabangela ukuba abo bafazi bazale iingxilimbela zoonyana ezazinamandla ngendlela egqith’ emgceni. IBhayibhile izibiza ngokuba ziiNefili, igama elithetha ukuthi “Abawisi”—okanye abo bawisa abanye. Ezi Nefili zazingoophuma silwe abaxhaphaza abantu, ibe zafaka isandla ekwenzeni ukuba umhlaba uzaliswe ngabantu abangenatarhu nabangamthobeliyo uThixo. Wayefanele uMdali ukujonga umhlaba aze abone ukuba “ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.” UYehova wagqiba kwelokuba abusiphule neengcambu bonke ububi obabusemhlabeni ngelo xesha, ingekapheli iminyaka eli-120.—Funda iGenesis 6:3-5.

7. UNowa nomfazi wakhe babejongene naluphi ucelomngeni ekukhuseleni oonyana babo kwiimpembelelo zaloo mihla?

7 Khawucinge indlela ekufanele ukuba kwakunzima ngayo ukukhulisa abantwana kwelo hlabathi! Kodwa ke uNowa wabakhulisa abakhe. Wafumana umfazi onengqondo. Emva kokuba uNowa eneminyaka engama-500 ezelwe, umfazi wakhe wamzalela oonyana abathathu—uShem, uHam noYafete. * UNowa nomkakhe kwafuneka baqeqeshe oonyana babo ukuze bangafani neenjubaqa ezazibangqongile. Amakhwenkwana adla ngokuwathanda ‘amadoda azizigantsontso’ okanye ‘amadoda adumileyo’—ngoko zazithandwa kakhulu iiNefili. UNowa nomfazi wakhe babengenakukwazi ukubavala iindlebe abantwana babo ukuze bangeva kwanto ibaliswa ngezo zigantsontso, kodwa ke babenokukwazi ukubafundisa inyaniso ngoYehova uThixo, obuthiye bonke ubungendawo. Kwakufuneka bafundise oonyana babo ukuba uYehova wayengabuthandi ubundlobongela nokusa okwakugquba emhlabeni ngelo xesha.—Gen. 6:6.

UNowa nenkosikazi yakhe kwafuneka bakhusele abantwana babo kwimpembelelo embi

8. Abazali abazizilumko namhlanje banokuwuxelisa njani umzekelo kaNowa nomkakhe?

8 Abazali banamhlanje bayiqonda kakuhle imeko kaNowa nomfazi wakhe. Ihlabathi namhlanje lizaliswe bubundlobongela nokuqaqadeka kwezimilo. Izitrato zezixeko zizaliswe yimigulukudu. Obu bundlobongela nokuqaqadeka kusasazeke nakwizinto abonwatyiswa ngazo abantwana. Abazali abazizilumko benza konke abanokukwenza ukuze bakhusele abantwana babo ngokubafundisa ngoThixo woxolo uYehova, oza kulusiphula neengcambu ugonyamelo. (INdu. 11:5; 37:10, 11) Abantwana banako ukuba nesimilo nangona bephila kwihlabathi elonakeleyo! UNowa nomkakhe baphumelela. Oonyana babo bakhula benesimilo baza batshata nabafazi ababemxabisa uYehova uThixo.

“Zenzele Umkhombe”

9, 10. (a) Nguwuphi umyalelo ovela kuYehova owatshintsha ubomi bukaNowa? (b) Yintoni eyathethwa nguYehova kuNowa ngendlela nenjongo yokwakha umkhombe?

9 Kwafika imini apho ubomi bukaNowa batshintsha ngonaphakade. UYehova wathetha nalo mkhonzi wayemthanda waza wamxelela ukuba uza kulitshabalalisa elo hlabathi. UThixo wayalela uNowa esithi: “Zenzele umkhombe ngomthi onentlaka.”—Gen. 6:14.

10 Lo mkhombe wawungeyonqanawa njengoko abanye becinga. Wawungenalo iphini eziqhutywa ngalo izikhephe ezininzi, ungamilanga okwenqanawa. Wawungubhazabhaza nje webhokisi. UYehova waxelela uNowa indlela awayefanele awakhe ngayo, kuquka nendlela awayefanele awuqabe ngayo ngetela. Wachazela uNowa isizathu soko esithi: “Ndizisa unogumbe wamanzi . . . Yonke into esemhlabeni iya kubhubha.” Noko ke, uYehova waphinda wathi kuNowa: “Umele ungene emkhombeni, wena kunye noonyana bakho nomfazi wakho nabafazi boonyana bakho.” UNowa wayefanele afake ezithile kuzo zonke iintlobo zezilwanyana. Zezo zazisemkhombeni kuphela ezaziza kusinda xa kufika uMkhukula!—Gen. 6:17-20.

UNowa waluthobela nentsapho yakhe ulwalathiso lukaThixo

11, 12. Nguwuphi umsebenzi onzima awayejongene nawo uNowa, yaye wawenza njani?

11 Kwafuneka enze umsebenzi onzima uNowa. Lo mkhombe wawuza kuba mkhulu—ube ziimitha ezili-133 ubude, ube ngama-22 eemitha ububanzi uze ube zezili-13 ukuphakama. Wawumkhulu lee kunayo nayiphi na inqanawa eyenziwe ngomthi kwezakha zakho namhlanje. Ngaba uNowa wala ukusebenza, ekhalazela iingxaki zomsebenzi wakhe okanye atshintshe umkhombe kuba efuna kube lula ukuwenza? IBhayibhile iyaphendula: “Wenza ke uNowa njengako konke oko uThixo abemyalele kona. Wenza kanye njengoko.”—Gen. 6:22.

12 Lo msebenzi wawenza kangangeminyaka emalunga nama-40 ukuya kwengama-50. Kwakufuneka agawule imithi, ayirhuqe, ayisarhe, ayenze ibe yile nto ayifunayo aze ayibethelele. Umkhombe kwakufuneka ube nemigangatho emithathu, ube namacandelo kunye nomnyango ecaleni. Kuyabonakala ukuba wawuneefestile kunye nophahla olwalwenziwe ngendlela yokuba lukwazi ukutyekeza amanzi.—Gen. 6:14-16.

13. Yintoni emele ukuba yayinzima kuNowa ngaphezu kokwakha umkhombe, yaye abantu basabela njani?

13 Njengoko iminyaka yayihamba yaye nokwakhiwa komkhombe kuhambela phambili, ufanele ukuba wayevuya uNowa njengoko ebukele intsapho yakhe isebenza nzima! Kwakukho nomnye umsebenzi ekufanele ukuba wawunzima nangaphezu kokwakha umkhombe. IBhayibhile ithi uNowa ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ (Funda eyesi-2 kaPetros 2:5.) Ngoko waba nesibindi sokulumkisa abantu abangendawo ukuba baza kutshabalala. Bathini abantu xa besiva eso silumkiso? UYesu Kristu wathetha ngabantu bomhla kaNowa, esithi “abazange banikele ngqalelo.” Wathi babexakeke gqitha—besitya, besela yaye betshata—kangangokuba abazange bamphulaphule uNowa. (Mat. 24:37-39) Ngokuqinisekileyo abaninzi bamhleka yena nentsapho yakhe; kusenokwenzeka ukuba abanye babemsongela ngokumbetha. Mhlawumbi bazama nokugxobha umsebenzi wakhe.

Nangona kwakucace gca ukuba uNowa usikelelwa nguThixo, abantu bahlekisa ngaye nangesigidimi sakhe

14. Iintsapho zamaKristu namhlanje zinokufunda ntoni kuNowa nentsapho yakhe?

14 Sekunjalo, uNowa nentsapho yakhe abazange batyhafe. Ukwakha umkhombe kwaqhubeka kuyeyona nto iphambili kubomi babo nangona abantu bomhla wabo babecinga ukuba loo nto bubudenge nenkcitha-xesha. Neentsapho zamaKristu namhlanje zinokufunda lukhulu kuNowa nentsapho yakhe. Kaloku nathi siphila kwixesha iBhayibhile elibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ yale nkqubo yezinto. (2 Tim. 3:1) UYesu wathi abantu bomhla wethu babeza kufana twatse nabo babephila xa uNowa wayesakha umkhombe. AmaKristu afanele akhumbule oko kwenzeka kuNowa xa abantu bengenamdla kwiindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, besihleka okanye besitshutshisa. Afanele aqonde ukuba bakho nabanye abantu abakha baphathwa ngolo hlobo.

“Ngena . . . Emkhombeni”

15. UNowa wafelwa ngoobani njengoko wayesondela kwiminyaka engama-600?

15 Kwaqengqeleka amashumi eminyaka umkhombe usakhiwa. Njengoko uNowa wayesondela kwiminyaka engama-600 ubudala, wafelwa ngabantu abathandayo. Kwaqala uyise uLameki. * Kwiminyaka emihlanu kamva kwalandela uyisemkhulu uMethusela, eneminyaka engama-969—oyena mntu waphila ixesha elide ekuthethwe ngaye eBhayibhileni. (Gen. 5:27) UMethusela noLameki babephile ngexesha elinye noAdam.

16, 17. (a) UNowa wafumana wuphi umyalelo xa wayeneminyaka engama-600? (b) Chaza umbono ongalibalekiyo owabonwa nguNowa nentsapho yakhe.

16 Xa wayeneminyaka engama-600, usolusapho uNowa wafumana umyalelo omtsha kuYehova uThixo: “Ngena, wena nayo yonke indlu yakho, emkhombeni.” Kwangaxeshanye, uThixo waxelela uNowa ukuba angenise zonke iintlobo zezilwanyana—ezihlambulukileyo zibe sixhenxe ukuze kubingelelwe ngazo, aze afake ngambini kuzo zonke ezinye.—Gen. 7:1-3.

17 Kumele ukuba lowo yayingumbono ongalibalekiyo. Khawube nomfanekiso-ngqondweni waloo mngcelele wezilwanyana—ezinye zihamba ngamanqina amane, ezinye zibhabha, ezinye zirhubuluza, ezinye zinyalasa, ezinye zithe chu—ezinye zizikhulu, ezinye zincinci, zonke nje iintlobo zezilwanyana onokucinga ngazo. Akuzange kufuneke uNowa ahl’ esenyuka, ebil’ esoma erhawula izilwanyana ezibalekayo, aziqhube okanye azicenge ukuba zingene emkhombeni. IBhayibhile ithi ‘zangena ngambini ukuza kuNowa ngaphakathi emkhombeni.’—Gen. 7:9.

18, 19. (a) Sinokuqiqa njani ngemibuzo ephakanyiswa ngabantu abazithandabuzayo izinto ezichazwe kwingxelo kaNowa? (b) Sibubona njani ubulumko bukaYehova kwindlela awakhetha ukuzisindisa ngayo izilwanyana?

18 Abanye basenokuyithandabuza loo nto besithi: ‘Inokwenzeka njani loo nto? Yayinokwenzeka njani into yokuba zonke izilwanyana zihlale kunye ngoxolo kwindawo encinci ngolo hlobo?’ Khawuyicinge ngolu hlobo le nto: Ngaba nyhani uMdali wezulu nomhlaba ebenokuxakwa kukulawula nokwenza mbuna izilwanyana? Khumbula, ezo zilwanyana zidalwe nguye. Kamva, wahlula uLwandle Olubomvu phakathi waza wamisa nelanga. Ngaba wayenokoyiswa kukufaka izilwanyana emkhombeni? Yayingenakwenzeka loo nto, ibe wazifaka nangoku!

19 Yinyaniso ukuba uThixo ngewayezisindise nangenye indlela izilwanyana. Noko ke, wakhetha ukuzisindisa ngendlela esikhumbuza ukuba ekuqaleni wayenike abantu umsebenzi wokunyamekela yonke into ephilayo emhlabeni. (Gen. 1:28) Abazali abaninzi namhlanje basebenzisa ibali likaNowa ukuze bafundise abantwana babo ukuba uYehova uyabathanda abantu kunye nezilwanyana azidalileyo.

20. UNowa nentsapho yakhe bamel’ ukuba babexakeke yintoni kwiveki ngaphambi koMkhukula?

20 UYehova waxelela uNowa ukuba uMkhukula wawuza kufika kwisithuba seveki. Kumele ukuba uNowa nentsapho yakhe babexakekile. Khawuthelekelele umsebenzi onzima wokuqinisekisa ukuba izilwanyana kunye nokutya kufakwa emkhombeni kuze kubekwe kwiindawo zako, kufakwe nempahla yentsapho. Umfazi kaNowa, okaShem, uHam noYafete kufanele ukuba babexakekile belungisa indawo yokuhlala kuloo mkhombe.

21, 22. (a) Kutheni ukungakhathali kwabantu bemihla kaNowa kungamele kusothuse? (b) Abamelwane bakaNowa nentsapho yakhe bayeka nini ukumgculela?

21 Kuthekani ngabantu bomhla wakhe? “Abazange banikele ngqalelo”—naxa kwakubonakala ngokucacileyo ukuba uYehova uyamsikelela uNowa nomsebenzi wakhe. Kufanele ukuba bazibona izilwanyana zilukrozo ukuya emkhombeni. Kodwa ke akufanele kusothuse ukungabi namdla kwabo. Nanamhlanje, abantu ababuhoyanga ubungqina obucacileyo bokuba siphila kwimihla yokugqibela. Kanye njengoko nompostile uPetros waprofetayo, abagculeli baye babagculela abo baphulaphula isilumkiso sikaThixo. (Funda eyesi-2 kaPetros 3:3-6.) NoNowa nentsapho yakhe bamel’ ukuba bahlekwa.

22 Abantu bamhleka de kwanini? IBhayibhile ithi emva kokuba uNowa nentsapho yakhe kunye nezilwanyana bengenile emkhombeni, “uYehova waluvala ucango emva kwakhe.” Ukuba abanye babo bantu babehleka babekufutshane nomkhombe, ngokuqinisekileyo amazinyo aba ziinyanda. Ukuba babengekho ecaleni komkhombe, ngokuqinisekileyo batsho esimantshiyane xa kwagaleleka izantyalantyala zemvula! Kaloku kwanetha izantyalantyala zemvula ezagubungela umhlaba wonke, kanye njengokuba wayetshilo uYehova.—Gen. 7:16-21.

23. (a) Sazi njani ukuba ukutshabalala kwabangendawo ngemihla kaNowa akuzange kumvuyise uYehova? (b) Kutheni simele sibe nokholo njengoNowa?

23 Ngaba uYehova wavuya xa ebona abo bantu bangendawo betshabalala? Hayi! (Hez. 33:11) Kaloku wayebanike ithuba lokuba batshintshe baze benze okuhle. Ngaba babenako ukuguquka? Ubomi bukaNowa bawuphendula lo mbuzo. Ngokuhamba noYehova nangokuthobela kwakhe uThixo kwinto yonke, uNowa wabonisa ukuba umntu wayenako ukusinda. Ngoko ke, ukholo lwakhe lwabagweba abantu bomhla wakhe; lwabubhenca ubungendawo beso sizukulwana. Ukholo lwakhe lwasindisa yena nentsapho yakhe. Ukuba uba nokholo njengoNowa, nawe uya kusinda uze usindise nabo ubathandayo. NjengoNowa, nawe unako ukuhamba noYehova uThixo uze umenze uMhlobo wakho. Kwaye obo buhlobo bunokuhlala buhleli!

^ isiqe. 7 Ngaloo mihla, abantu babephila ixesha elide kakhulu kunelo siliphilayo namhlanje. Kunokwenzeka ukuba loo nto yayibangelwa kukuba babengekho kude nemfezeko abaphulukana nayo uAdam noEva.

^ isiqe. 15 ULameki wamthiya igama elithi Nowa unyana wakhe—elithetha “Ukuphumla” okanye “Intuthuzelo”—yaye wayeprofetile esithi uNowa uza kulandela igama lakhe ngokukhokela abantu ukuze baphumle ekusebenzeni nzima kumhlaba oqalekisiweyo. (Gen. 5:28, 29) ULameki wafa ngaphambi kokuba eso siprofeto sizaliseke. Unina, abantakwabo noodadewabo kusenokwenzeka ukuba bafa ngoNogumbe.