Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Ukukhusela Ilungelo Lokukhonza Labantu Bomthonyama

Ukukhusela Ilungelo Lokukhonza Labantu Bomthonyama

MEYI 1, 2021

 Kubantu abangamakhulu eemiliyoni abahlala kuMbindi nakuMzantsi Merika, iimiliyoni zabo zithetha iilwimi zomthonyama ibe zenza namasiko alapho. Abanye kwaba bantu ngabazalwana noodade abazithandayo ezinye izithethe zabo. Ukuze bancede abantu bafunde iBhayibhile, baguqulela baze basasaze iincwadi zamaNgqina KaYehova ngeelwimi ezingaphezu kwe-130 zabantu abahlala kuMbindi nakuMzantsi Merika. a Kanti ke, abanye baye bachaswa ngenxa yokukhetha ukukhonza uYehova nokungawenzi amasiko angawafuniyo. Iye yabanceda njani iminikelo yakho?

Bancedwe Babuyela Kumakhaya Abo

 EMexico, abazalwana noodade abahlala eHuichol ekwiintaba zePhondo laseJalisco, zange bavume ukwenza izinto ezazingqubana nento ethethwa yiBhayibhile. b Yabacaphukisa abanye abantu le nto. NgoDisemba 4, 2017, abantu abaninzi bahlasela iqela lamaNgqina KaYehova nabantu ababekunye nabo, labagxotha kwiindawo ababehlala kuzo, labamoshela izinto zabo laza laboyikisa ngokubabulala ukuba baphinde babuya.

 AmaNgqina akwiidolophu ezikufutshane abanceda abazalwana noodade ngezinto ababezidinga. Kodwa babenokuncedwa njani ukuze babuyele kumakhaya abo? UMzalwana uAgustín uthi, “Sasingenayo imali eyaneleyo yokuqesha igqwetha yaye sasingayazi nokuba sibuze kubani ngezinto zomthetho.”

 Ngenxa yokungahlonitshwa kwelungelo labazalwana lokuzikhethela indlela yokukhonza, isebe lakuMbindi Merika lakhawuleza lenza izinto eziza kubanceda. Laqala ngokucela abasemagunyeni abakwezo ndawo ukuba baphande ngezi zenzo. Emva koko, lafumana imvume kwiKomiti yabaNxibelelanisi yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova ukuba lisebenze neSebe leZomthetho elikwikomkhulu ukuze lifake isimangalo egameni labazalwana noodade baseHuichol. Ekugqibeleni eli tyala lahamba lada laya kufika kweyona Nkundla Iphakamileyo yaseMexico.

 Iqela lamagqwetha asuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo emhlabeni, layenza yacaca into yokuba abantu abafanelanga bahloniphe nje amasiko kodwa kufuneka bahloniphe baze bakhusele namalungelo abantu bomthonyama. Bonke abantu banamalungelo nokuba bahlala phi.

 NgoJulayi 8, 2020, zonke iijaji zeNkundla Ephakamileyo zavumelana ngokuthethelela amaNgqina KaYehova zaze zathi bonke abo babegxothiwe kufuneka bavunyelwe ukuba babuyele kwiindawo abahlala kuzo. UAgustín, ebekukhe kwathethwa ngaye, uchaza indlela yena nabanye abanombulelo ngayo uthi: “Siyibulela kakhulu into esiyenzelwe ngabazalwana. Ukuba babengasincedanga, akukho nto besiza kukwazi ukuyenza.”

‘Abantu Abambalwa Benzelwa Izinto Ezinkulu’

 Kukho nabazalwana ababenengxaki efanayo baseSan Juan de Ilumán, kwilali ese-Ecuador apho kukho abantu bomthonyama bendawo yaseOtavalo Valley. Ngo-2014, emva kokuba bezifumene zonke iimvume, baqalisa ukwakha iHolo yoBukumkani. Kodwa iqela labantu abangaphezu kwe-100 elalikhokhelwa ngumfundisi labanyanzela ukuba bayeke ukwakha. Emva koko, abantu balapho bathi kumaNgqina KaYehova mawayeke ukudibana ukuze akhonze.

 Amasebe ezomthetho akwiofisi yesebe lase-Ecuador nakwikomkhulu, aye asebenza kunye ukuze amele eli bandla lingakhange livunyelwe ukuba lisebenzise ilungelo lalo lokukhonza. Abazalwana bafaka isimangalo. Loo nto yenza ukuba abantu baloo ndawo bayeke ukuphatha abazalwana kakubi, babayeke baqhubeke besiya kwiintlanganiso zabo baze bagqibezele nokwakha iHolo yoBukumkani. Kodwa ukuze aqiniseke ukuba abazalwana abazukuphinda baphathwe kakubi, amagqwetha acela inkundla ukuba iphendule umbuzo obalulekileyo: Ngaba amalungelo abantu ayasebenza nakubantu bomthonyama belo lizwe?

 NgoJulayi 16, 2020, eyona Nkundla Iphakamileyo yase-Ecuador, yalimamela eli tyala. Ibandla lalimelwe ngabazalwana abangamagqwetha ase-Ecuador. Ukongezelela, kule nkundla kwaye kwathetha abazalwana abane abanamava ekuxoxeni amatyala kumazwe ngamazwe. Kodwa ngenxa yeKhorona, baye bathetha enkundleni besebenzisa ivideoconferencing. Bekuqala ukuba kubekho inkundla evumela amagqwetha angamaNgqina KaYehova ukuba axoxe ityala lawo ngale ndlela. c Amagqwetha ebandla asebenzisa izigwebo zeenkundla ezikwamanye amazwe ukuze abonise ukuba awoxuthwa amalungelo abantu ngenxa nje yokuba bengabantu bomthonyama.

Amagqwetha akwiindawo ezahlukahlukeneyo emhlabeni, athethelela amalungelo abazalwana bethu esebenzisa ivideoconference

 Abazalwana baseOtavalo Valley basilindele ngamehlo abomvu isigwebo seyona Nkundla Iphakamileyo. Okwangoku baluvuyela kakhulu uncedo abalufumeneyo. UCésar, ongumdala kwiBandla laseIlumán Quichua, uthi: “NguYehova kuphela onokusebenzisa intlangano yakhe ukuze yenzele abantu abambalwa into enkulu kangaka.”

 Onke amagqwetha ebexoxa eli tyala ngamaNgqina KaYehova, kwaye ayakuvuyela ukusebenzisa ulwazi lwawo ukuze ancede abantu engabhatalwa. Noko ke, kusafuneka imali nexesha ukuze kulungiselelwe kuze kuxoxwe la matyala. Amagqwetha ethu nabanye abazalwana baye bachitha iiyure ezingaphaya kwe-380 belungiselela ukuxoxa eli tyala. Kanti ke, baye bachitha iiyure ezingaphezu kwe-240 beguqulela izinto eziza kufuneka kwityala laseMexico. Kwelinye icala amagqwetha amalunga ne-40 emhlabeni wonke, aye achitha amakhulu eeyure kweli tyala lase-Ecuador. Ivele phi imali yokubhatala iindleko zokunceda abazalwana bethu? Kuye kwasetyenziswa iminikelo yenu eniyithumela ngeendlela ezahlukahlukeneyo ezichazwe ku-donate.jw.org. Siyanibulela ngeminikelo yenu.

a Iincwadi kunye neevidiyo zamaNgqina KaYehova ziguqulelwa kwiilwimi ezininzi ezithethwa kuMbindi nakuMzantsi Merika. Ziyaguqulelwa nakwiintlobo ezahlukahlukeneyo zentetho yezandla efumaneka apho.

b Abantu abangamaHuichol baziwa njengamaWixáritari, yaye nolwimi lwabo sisiWixárika.

c Intlangano ibingeyiyo inxalenye yeli tyala, sekunjalo iijaji ziye zabavumela abazalwana bethu ukuba bathethe kule nkundla ngenjongo yokuba bayincedise ifikelele kwisigqibo.