Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Kuncedwa Abantu Nangona Kukho ‘Iimfazwe’

Kuncedwa Abantu Nangona Kukho ‘Iimfazwe’

MEYI 27, 2022

 Kule mihla yokugqibela, siza kusoloko sisiva ‘ngeemfazwe.’ (Mateyu 24:6) Kodwa xa abazalwana noodade beneengxaki ngenxa yazo, bayancedwa. Ingxelo YeQumrhu Elilawulayo Ka-2022 #3 iye yachaza indlela abancedwe ngayo abazalwana baseMpuma Yurophu, abaye bahlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yemfazwe eseUkraine. Abazalwana bancedana njani njengokuba kusiliwa phaya? Izinto ezenziweyo zibancede njani abazalwana baseUkraine?

Bekudingeka Ntoni? Isiwe Njani Kubazalwana Noodade?

 Nge-24 kaFebruwari 2022, kwaqalisa imfazwe eUkraine. Kwangaloo mini, iKomiti Yabanxibelelanisi yachaza ukuba kungasetyenziswa malini ukuze kuncedwe abazalwana bethu abaseUkraine. Isebe laseUkraine laqalisa ukuthenga izinto, laza lazisa kubazalwana, lisebenzisa iiKomiti Zokunceda Abantu Abehlelwe Yintlekele eziyi-27.

 Njengoko iSebe laseUkraine lalinceda, abazalwana bakwiKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina KaYehova bazama ukucinga ukuba bona bangancedisana njani neli sebe. IKomiti Yabanxibelelanisi neyokuPapasha yeQumrhu Elilawulayo zacela iSebe Lokuthenga Lasehlabathini Lonke ukuba lisebenzisane neofisi yesebe laseUkraine nelasePoland ukuze kugqitywe ukuba kungenziwa ntoni ukuze kuncedwe. Abazalwana abakwisebe lokuthenga, lokuhambisa izinto, nabakwezomthetho kwiibheteli, babedibana yonke imihla nomzalwana okwiKomiti yesebe laseUkraine, nabakwiSebe Lokuthenga Lasehlabathini Lonke ukuze bancedisane.

Kwibhokisi kukho ukutya, izinto zokucoca, namakhadi akhuthazayo

 UJay Swinney okwiSebe Lokuthenga Lasehlabathini Lonke uthi, “Okokuqala, sasidinga ukwazi ukuba kudingeka ntoni. Sasifuna ukunika abazalwana ukutya nezinto zokucoca abaziqhelileyo. Kodwa, ukwazi izinto abazidingayo kwakungathethi ukuba sigqibile. Kwakufuneka sazi nokuba siza kuzisa njani eUkraine ngokukhawuleza kuze kungonzakali mntu nangona kukho imfazwe.”

 Nge-9 kaMatshi 2022, abazalwana babesazi ukuba ziintoni abazidingayo abazalwana noodade baseUkraine. Babeza kuphathelwa iibhokisi zokutya, njengenyama, intlanzi, irice, iimbotyi, kunye nezinto zokucoca ezifana nesepha kunye netoilet paper. Ngelo xesha, kwakuqikelelwa ukuba izinto eziza kusetyenziswa ngumntu omnye ngenyanga ziyi-R1 100. Kuba iKomiti Yabanxibelelanisi yayiqonda ukuba baninzi abazalwana abaza kudinga ezi zinto, yavuma ukuba kungasetyenziswa imali ethile ukuze bancedwe. Kodwa ezi zinto zaziza kusiwa njani kwabo bazidingayo ngaphandle kokufaka abazalwana engozini?

 Nge-13 kaMatshi, abazalwana ababini basuka kwiofisi yesebe lasePoland besisa izinto kwindawo ekugcinwa kuyo izinto ekufuphi naseLviv, eseUkraine, ukuze bajonge ukuba zinokuhambiseka na. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba bahambe, abazalwana bakwisebe lasePoland naseUkraine babanceda ukuze balungiselele uhambo lwabo. Isebe lagcwalisa amaphepha ezomthetho ababewadinga ukuze badlule kwibhoda kuba beyokunceda abantu. Laza laqinisekisa ukuba nemoto ziyabonakala ukuba ziyokunceda abantu. Enye into lasebenzisana nabazalwana baseUkraine ukuze babone ukuba yeyiphi eyona ndlela iza kuba mfutshane. Ngenxa yokuncedwa nguYehova nokuba belungiselele kakuhle, izinto zokunceda zakwazi ukunikwa iiKomiti Zokunceda Abantu Abehlelwe Yintlekele kungekapheli nosuku zifikile eLviv, baza abazalwana bethu babuyela ePoland.

 Nangona abazalwana baphumelela kuhambo lwabo lokuqala, bahambisa izinto zoncedo ezingaphantsi kwetoni nje enye. Kwakusadingeka iitoni eziyi-200! Izinto ezininzi kangaka zaziza kuhanjiswa zize zifike njani kubazalwana ngokukhawuleza?

“Abantu Bakho Baza Kuzinikela Ngokuvumayo”

 Emva kokuba abazalwana basemhlabeni wonke befunde iingxelo zezinto ezehlele abazalwana bethu abaseUkraine ku-jw.org, bafuna ukunceda. Abaninzi abahlala kwiindawo ezikude banikela ngemali kumsebenzi wamaNgqina kaYehova wasehlabathini lonke, bengathandabuzi ukuba iminikelo yabo iza kusetyenziswa kakuhle. Kanti abo bahlala kumazwe akufutshane bancama ixesha, amandla, kunye nezinto zabo ukuze bancede. Khawuve nje le mizekelo imbalwa.

 EPoland, amavolontiya ayedibanisa izinto ezininzi zokunceda ibe abantwana bona bezoba amakhadi. Omnye umzalwana okwiSebe Lokuthenga kwibheteli yasePoland uBartosz Kościelniak uthi, “Kudala ndayifunda iNdumiso 110:3 ethetha ngokuba abantu bakaYehova “baza kuzinikela ngokuvumayo.” Kodwa ngoku ndizibonele ngokwam indlela abancedana ngayo abazalwana noodade. Ngokukhawuleza, kufike amavolontiya amaninzi ekulungele ukwenza nantoni na ukuze ancede. Loo nto indibonise indlela ayinyani ngayo la mazwi eNdumiso.”

 Omnye umzalwana onenkampani enkulu ekumazwe ngamazwe wasinika iitrakhi zakhe, zinepetrol eyaneleyo eyayiza kudingeka. Uthi: “Kum, eli ibilithuba lokubonisa abazalwana indlela endibathanda ngayo nendimthanda ngayo uYehova. Ndivuya kakhulu kuba ndikwazile ukunceda.” Kuqikelelwa ukuba kwanikelwa ngeelitha zepetrol ezingaphezu kweziyi-7 700, ibe abazalwana basebenzisa ixesha namandla abo ukuze bahambise izinto, beqhuba iikhilomitha eziphantse zibeyi-48 000!

 Ngenxa yendlela abazalwana noodade ababezimisele ngayo emsebenzini, kwintsuku nje eziyi-15 emva kokuba sihambise izinto okokuqala nge-28 kaMatshi, sasisele sihambise ukutya, izinto zokucoca, nezonyango ezizitoni eziyi-100 eUkraine! Ibe kuba abazalwana noodade banikela ngezinto ezininzi, zange sisebenzise mali ininzi ukuze sincede abazalwana bethu. Ukuza kutsho ngoku, amaNgqina kaYehova sele ethumele iitoni ezingaphezu kweziyi-190 zezinto zokunceda eUkraine. Ezi zinto zibancede njani abazalwana noodade?

“Baluvile Uthando Lwenu!”

 Emva kokuba ezi zinto zifikile eLviv, iKomiti Yokunceda Abo Behlelwe Yintlekele iye yahambisa izinto kubantu abazidingayo eUkraine. Ziye zasiwa kwiindawo ngeendawo, nakwiindawo ezikude ngeekhilomitha eziyi-1 300 eLviv. Nangona lo msebenzi wenziwe kakuhle, uthathe ixesha. a

 Umzalwana okwiKomiti yeSebe laseUkraine, uMarkus Reinhardt, uthi: “Kweli xesha lobunzima, abazalwana abaninzi bayibone kakuhle indlela uYehova abathanda ngayo. Babone nendlela ekunceda ngayo ukuthobela imiyalelo esuka kwintlangano yakhe nangaphambi kokuba kwenzeke intlekele. Ngokomzekelo, kukhuthazwa ukuba wonke umntu ekhayeni lakhe abe nokutya okunokusetyenziswa iiveki eziliqela kunye namanzi. Omnye umdala ekuthiwa nguAnton okhonza eKyiv, uthe xa ethetha ngalo myalelo: ‘Intlangano kaYehova isincede salungiselela iimeko ezinzima, ibe siyabulela kakhulu ngaloo nto. Ukuba nokutya, amanzi, kunye nerediyo kusindise ubomi bethu.’ Sivuya kakhulu kuba abazalwana bewuthobele lo myalelo kuba batsho banezinto abazidingayo xa intlangano ibisalungiselela ukubathumelela nezinye izinto zoncedo.”

 Abazalwana baye baziva njani xa befumana izinto abazidingayo? UMykola noZinaida abahlala eKharkiv, bathi: “Isichukumise kakhulu indlela enisikhathalele ngayo. Enkosi kakhulu ngokutya nezinto zonyango. Sibone ngokucacileyo ukuba uYehova usihoyile.” UValentyna ohlala kwindawo efanayo yena uthi: “Xa bekuqala imfazwe, abantu bebelinda ixesha elide xa bezama ukuyothenga ukutya. Zazingafumaneka nanini na izinto ezidingekayo. Kodwa yena uYehova ubesazi ibe uyibonile le ngxaki. Wakhetha abazalwana abaza kuza noncedo emakhayeni ethu, bephethe kanye ezi zinto sizidingayo! Xa kunzima, kubonakala ngathi akukho themba, uyibona kakuhle indlela uYehova akukhathalele ngayo nentlangano yakhe. . . . Kuvuyisa kakhulu ukufumana uncedo lwakhe ngexesha kanye oludinga ngalo uze uve nendlela uYehova akuxhasa ngayo.”

 UYevhen, uIryna, noMykyta abasuka eMariupol bathi: “Siyixabisa kakhulu indlela enisikhathalela nenisixhasa ngayo njengentsapho. Asixoki xa sisithi uncedo lwenu silufumene kanye ngexesha ebesiludinga ngalo. Yazi, ekuqaleni besicinga ukuba kukho izinto nje kuphela kwezi bhokisi bezifika, kodwa sithe xa sizivula saluva uthando lwenu!”

UYevhen, uIryna, noMykyta

 Siqinisekile ukuba nawe uyabona ukuba uYehova usebenzise umoya wakhe, ekhokela abantu bakhe ukuze bahambise izinto zoncedo ‘ngexesha lemfazwe.’ Enkosi ngokwenza iminikelo kumsebenzi wasehlabathini lonke ku-donate.jw.org, iye yalunceda kakhulu. Siyabubulela ububele bakho!

Ukunceda Abazalwana Ngokukhawuleza Nangendlela Ekhuselekileyo

  1. NgoFebruwari 24, 2022: IKomiti Yabanxibelelanisi yavuma ukuba kusetyenziswe imali ethile ukuze kuncedwe abazalwana baseUkraine, ibe ngenxa yalo nto isebe latsho lakwazi ukuqalisa ukwenza amalungiselelo

  2. NgoFebruwari 24–Matshi 8, 2022: Isebe laseUkraine lathenge izinto laza lazisa kwiiKomiti Zokunceda Abantu Abehlelwe Yintlekele, ukuze zona zizise kubazalwana abazidingayo. Le ofisi yesebe yalungiselela nokufumana izinto ezisuka ePoland ukuze nazo zihanjiswe

  3. NgoMatshi 9, 2022: IKomiti Yabanxibelelanisi yavuma ukuba kuthunyelwe izinto zokunceda eUkraine

  4. NgoMatshi 10–12, 2022: Kwenziwa amalungiselelo okuba kuhanjiswe ukutya nezinto ezidingekayo ezisuka ePoland zisiya eLviv, eseUkraine

  5. NgoMatshi 13, 2022: Ukutya nezinto ezidingekayo ezisuka ePoland zathunyelwa eLviv, eseUkraine

  6. NgoMatshi 14–16, 2022: KwiHolo yeNdibano engasePoznan, ePoland, amavolontiya olwakhiwo lwasekuhlaleni ancedisa ukuze kudityaniswe ukutya nezinto zokucoca

  7. NgoMatshi 17, 2022: Emva kwentsuku ezine kuthunyelwe izinto okokuqala, abazalwana baqalisa ukuhambisa izinto ezizitoni eziyi-13 besiya kwibhoda yaseUkraine

  8. NgoMatshi 21–27, 2022: NasePoland kwenziwa ngokufanayo, kwadityaniswa izinto zokunceda zaza zathunyelwa eUkraine. Emva koko zasiwa ebantwini kungekapheli neeyure eziyi-24

  9. NgoMatshi 28, 2022: Kwiintsuku nje eziyi-20 emva kokuba kuvunyiwe ukuba kungathunyelwa izinto, kwakusele kuthunyelwe ukutya, izinto zokucoca, nezonyango ezizitoni eziyi-100 eUkraine

 Ukuza kutsho ngoku, sele kuthunyelwe izinto zoncedo ezizitoni eziyi-190 eUkraine.

a Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela uncedo olwathunyelwa ngayo, funda inqaku elithi, “Ngesibindi, Abazalwana Bahambisa Izinto Zoncedo Ibe Banceda Nabanye EUkraine Ngexesha Lemfazwe.”